Umdlali kamabonakude uThuli Phongolo ubuyela kwiGenerations: The Legacy.
Image: Instagram
Iyabuya kwakhona kwiGenerations: The Legacy intombi eyintandokazi kaJack Mabaso noLucy Diale, uNamhla.
UThuli Phongolo odlala indawo kaNamhla Diale, uza kugaleleka ngomhla we25 kule nyanga kaTshazimpuzi. Le nzwakazi yagqibela ukubonakala kulo mdlalo kamabonakude iGenerations ngonyaka ka2018.
UPhongolo sele ekhe wabonakala kweminye imidlalo yeMzansi Magic efana noRockville, neThe Wife. Ukanti nakwiSABC 1 udlale indima kaLilitha kumdlalo othi Makoti, iisizini ezimbini. Ukanti uPhongolo kulindeleke ukuba agaleleke enomahluko kweli tyeli.
Akaseyiyo la ntwazana incinane, inentloni neyayingakhathali ngaphambili. Ixesha athe walichitha ehlala phesheya nalapho ebesebenza khona limtshintshile. Ubuya ezithemba kwisakhono netalente yakhe, kwaye elangazelela ubomi obukwinqwanqwa eliphezulu, nacinga ukuba uJack angamnika bona.
UNamhla uyamthanda umama wakhe uLucy, kodwa ubudlelwane babo bebusoloko bungekho lula. Ukanti kwelinye icala utata wakhe uJack ufuna ukufaka intombi yakhe kwimpilo ayiphilayo, mpilo leyo kuNamhla inomtsalane. Ingaba ubomi bukaJack obuyingozi buza kuyilungela intombi yakhe?
Ukugaleleka kukaNamhla kulo mdlalo, kusemva kokuhamba kukaSix Nyamane, obedlala indawo kaNozipho Cele-Moroka. UNyamane akasayi kuba yinxalenye yesizini entsha yalo mdlalo kamabonakude, neqala ngomhla we19 kuCanzibe.
IGenerations: The Legacy ngumdlalo kamabonakude odlala kuSABC 1, rhoqo ngoMvulo ukuya kuLwesihlanu, ngentsimbi yesibhozo ngokuhlwa.