Ezoyolo

ISAB1 ikuphathela ibali elithi Amalanga Awafani

Zenande Maqubela|Published

Amalanga Awafani: UFanele Zulu noNonsikelelo Mthiyane bayinxalenye yabadlali kumdlalo othi Amalanga Awafani oza kuboniswa kuSABC1

Image: Isolezwe

I-SABC 1 iza nomdlalo omtsha kraca nothi Amalanga Awafani, nekulindeleke utsale umdla omkhulu ngenxa yokuba usekelezelwe kwizinto ezenzekayo kweli lixa.

Lo mdlalo kulindeleke ubonakale okokuqala ngqa kumabonakude kule nyanga kaTshazimpuzi, rhoqo ngecala emva kwentsimbi yesithandathu ngokuhlwa (18:30), ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu.

Amalanga Awafani ungokuphendula oyena mbuzo mkhulu nothi: Xa unokuba nezigidi zeerandi, ungathenga ntoni? Imoto entsha, ifashoni kanakutsho, okanye olona lonwabbo imali inokukwazi ukuluthenga?"

Lo mdlalo awukho nje ngobutyebi obusanda kufunyanwa, koko ungokukhetha omawukwenze kunye neminqweno. Abavelisi balo mdlalo babone ukuba ulutsha lwale mihla lunomdla omkhulu kumculo kaMaskandi, kwanempilo yamabhinca esele itsala umdla omkhulu kuluntu, nto leyo ikhokelele ekuvelisweni kwalo mdlalo.

Amalanga Awafani ngumdlalo oza kugxila kwimpilo yamawele uThembi (Nsikelelo Mthethwa) noSabelo (Fanele Zulu), abacula umculo kaMaskandi, kwanemiceli mngeni eyahlukeneyo abahlangabezana nayo. Umdlalo lo uza kubonisa italente entsha, kwaye unabadlali abatsha kumabonakude, nabaza kushiya ababukeli benomdla oza kubagcina bethe ntsho amehlo abo kulo mdlalo.

Kulindeleke ukuba kubekho nomnye umculi kaMaskandi owaziwa ngokuba nguMthandeni 'Igcokama Elisha' Manqele, noza kubonakala kwiziqendu ezithile zalo mdlalo. Ukanti abadlali ekulindeleke ukuba babe yinxalenye yalo mdlalo, kukhankanywa kubo uMelusi Yeni noSthandwa Nzuza nabaza kudlala indima ephambili kulo mdlalo.

Abanye abadlali baquka uSandile Mdletshe, uNompumelelo Ndlovu, uCabangile Gumede, uBrian Khumalo, uSphelele Phili,u Kholeka Mthembu, uSbonakaliso Mazibuko kwakunye noMduduzi Nombela.

Umdlalo lo uveliswa yiStained Glass Productions.

Ungaphoswa ngomhla we-28 kuTshazimpuzi ngecala emva kwentsimbi yesithandathu sisiqendu sokuqala ngqa salo mdlalo uza kutshisa iintlantsi.

ISAB1 ikuphathela ibali elithi Amalanga Awafani