UManejala weSABC eMpuma Koloni, uLoyiso Bala ubhengeze iinguqu kwiinkqubo zoMhlobo Wenene neTruFM.
Image: UWFM
Nanjengoko uTshazimpuzi engafikanga egalelekile kwiveki ezayo, ukanti koonomathotholo oko kuthetha isiqalo sonyaka omtsha, nalapho kwiinkqubo zesiqhelo.
NgoMvulo, nangoLwesibini, uManejala weSABC eMpuma Koloni, uLoyiso Bala ubhengeze utshintsho koonomathotholo iTruFm kunye noMhlobo Wenene FM. Kwintetho yakhe kwaba nomathotholo uyicacisile eyokuba alukho kangakangako utshintsho, kwizitishi zozibini.
"Ndicinga ukuba amaqhinga esiwenze kwiminyaka emithathu egqithileyo, ingathi ayasebenza," utshilo uBala.
KuMhlobo Wenene FM uSizwe 'Slyso' Saliso uza kwenza inkqubo yakhe yokugqibela kule mpelaveki emoyeni njengomsasazi. Ukuphuma kwakhe emoyeni akuthethi kuthi kukuhamba kwakhe kuMhlobo Wenene, nanjengoko kwiveki ezayo eza kuba ngumvelisi wenkqubo i123 Pholaz ebhexeshwa nguAmaza Ntshanga kunye noLusanda Mbane.
Ukanti kwiDrive Enochatha neqhutywa nguLuks Gidane, uZintle 'Babe Zee' Mbusi ubuya kwakhona njengomsasazi osebenzisana noGidane, ze uPhethu Soga abuye kwakhona njengomvelisi wale nkqubo, uTando Gqamane aqhube nezemidlalo kule nkqubo.
UMzandile Ntshona uza kubhexesha inkqubo ethi Beka Itheba Lakho Kuye, ngentsimbi yesithathu ukuya kweyesihlanu kusasa, ngoMvulo ukuya ngoLwesine. Le nkqubo yayisaya kubhexeshwa ngongasekhoyo uNomonde Vakalisa, nowathi wasutywa kukufa kunyaka ophelileyo. UBala ukwabhengeze ukuba inkqubo yomculo kaMaskandi nebhexeshwa nguGudla, iza kubuyela kwixesha layo lesiqhelo intsimbi yeshumi kusasa ngoMgqibelo.
Ukanti kwisibhengezo asenze izolo kwiTruFM, uBala wazise ngomsasazi omtsha uTabita Busani, nosuka kwiZibonele FM eKapa. UBusani uza kuthatha iintambo kuMfundisi uBathandwa 'Mam-K' Kwatsha kwinkqubo ethi Hlala Kum. UBala uthe uMam-K uza kugxila ngokupheleleyo kuMhlobo Wenene FM, watsho ebulela ngomsebenzi wakhe omhle athe wawenza ngethuba ekwiTruFM.
UBala uthe akukho tshintsho kwezinye iinkqubo zeTruFM.
Ukwabulele kumsasazi othe wabeka phantsi emoyeni, uDJ Anda, noneminyaka esebenza kulo nomathotholo. UDJ Anda wathi wapapasha kumakhasi onxibelelwano ngokubeka phantsi iintambo kwakhe emoyeni, watsho ebulela kubaphulaphuli ngenkxaso yabo, ekwatsho ukuba ze baqhube bemamela iTruFM.
Umanejala weSABC eMpuma koloni, uLoyiso Bala wabe izitya koonomathotholo beli phondo.
Image: UWFM