UTitshala u-Uyanda Hlangabezo ophume kwindawo yesibini kwinkqubo kamabonakude iBig Brother Mzansi.
Image: X
Emva kokuba ephume kwindawo yesibini kwinkqubo kamabonakude iBig Brother Mzansi, abalandeli bakaUyanda Hlangabezo bagqibe kwelokuba bamqokelelele imali. Abalandeli baqokelele imali engaphaya kweR170 000 ngosuku nje.
Le nzalelwane yaseNgcobo, efundisa eGqeberha, ebingomnye wabantu abahlanu ebebesilwela izigidi ezibini zeerandi kwaye ifumene i31.67% yeevoti. USweet Guluva uphumelele iBig Brother Mzansi ngeCawe ngeevoti ezingama53.48%, esogqitha abo ebekhuphisana nabo abaquka uNsuku ofumene i9.60%, uNate ofumene i3.45% kunye noJojo ofumene i1.80% yeevoti.
Eli phulo lokunyusa imali likhokelwa nguMandisi Tshingana, nokwanguye owayeqokelelela umdlali kamabonakude uBrenda Ngxoli imali.
"Enkosi ngothando nangenkxaso, ngendingekho apha ngaphandle kwenu. Okulandelayo kum kukubhexesha imisitho, ukuba ngumsasazi kamabonakude, okona kubalulekileyo kukuba ngumntu osebenza neenkampani (brand ambassador)," utshilo uHlangabezo emva kokuphela kwale nkqubo kamabonakude eGoli.
Ngokwengxelo yeIOL, xa ebuzwa ukuba uziva njani ngabantu abamqokelelela imali, uHlangabezo uthe wothuswe yindlela abantu abaninzi abamthanda ngayo.
"Iyothusa into yokuba baninzi abantu abandithandayo. Bendikade ndicinga ukuba ndingulo mntu unganikizi mdla, ngoko ke ukufumanisa ukuba baninzi abantu abonwatyiswe ndim kundenza ndizingce, kwaye ndinombulelo ongazenzisiyo," utshilo.
Related Topics: