Ezoyolo

OwakuGatyana uzakhela igama kwiifilim phesheya

Zenande Maqubela|Published

USakhe Jele wakuGatyana usebenza njengomhleli kwanombhali weefilim eMelika

Image: Uthunyelwe

Inzalelwane yakuGatyana, eMpuma Koloni izenzela igama kwicandelo leefilim phesheya kweelwandle.

USakhe Jele oneminyaka engamashumi amane ubudala, ukwelaseMelika, nalapho esebenza kwimiboniso eyahlukeneyo njengomhleli wevidiyo, kunye nombhali weefilim. Ufunde eNtlabane J.S.S kuGatyana, eNgcingwane T.S.S.S, nesele isaziwa njengeNomaka Mbeki S.S.S eDutywa, eDu College esenza iSound Engineering, naseUnisa apho wayesenza iCommunication Science angazange akwazi ukuyigqiba ngenxa yeemeko ezithile.

Ngonyaka ka2013 uye waya kuba ngumfundi eLos Angeles City College naseCalifornia State University, eNorthridge. Ukuhlela ividiyo yinto uJele athi wazifundisa yona ekukhuleni kwakhe, phambi kokuba akhangele iindawo ezifana nesikolo esifundisa ngokuhlela ividiyo.

"Uthando lwam lwefilim yinto eqale kancinane yaze yakhulu ngokuhamba kwexesha, eyona nto ndiye ndayithanda kakhulu kukuhlela iifilim, ze kwalandela ukubhala iifilim. Umdla wam kwiteknoloji undikhokelele ekubeni ngumenzi weefilim," utshilo uJele.

Lo kaJele sele ekhe wasebenza kwiinkqubo ezithile kweli loMzantsi Afrika, phambi kokuba aye kukhangela amadlelo aluhlaza phesheya. Kweli loMzantsi Afrika usebenze kwiinkqubo ezifana noStrictly Come Dancing, Mzansi Insider, kwakunye neSelimathunzi. Uthi ukusebenza kwiinkqubo ezahlukeneyo kwamenza wagxila kwicala lokuhlela, ze kamva wadlulela kwiMultichoice apho waye wangumhleli kwanenxalenye yeqela elalilungisa izinto ezithile kwimiboniso eyayifunyanwa kubathengisi.

"Imiboniso le yayingekho kwizinga eliphezulu nakuba yayinika umdla, kwaye oko kwandinika ithuba lokonyukela komnye umgangatho owandivulela amathuba amatsha," utshilo uJele.

Ukanti phesheya eMelika uJele usebenze kwiinkqubo ezifana noDoctor Pimple Popper, Love and Hip Hop, Atlanta (the Bow Wow Special), Sprint (Netflix), kwaye wayeyinxalenye yeqela elathi lenza udliwanondlebe noQuentin Tarantino kwiDjango (Netflix).

"Kungokunje itshintshile indlela yam yokubona izinto njengomhleli wevidiyo ekubeni nje ngumhleli oqhutywa lulwazi lokuhlela ukuya ekubeni ngumhleli oqhutywa libali nempembelelo elinayo ekuhlaleni," utshilo uJele.

Uthi kuye ukusebenza kwiifilim neevidiyo ayivakali okomsebenzi ngenxa yothando analo ngalo msebenzi, nto leyo imonwabisa kakhulu. Ukwathi umsebenzi wokuhlela iifilim kwanokubhala amabali eefilim udinga umonde kwaye uyakwenza uzive ulilolo ngamanye amaxesha, kodwa noko kunjalo uJele uyayamkela le meko ekwayifumana intle kakhulu.

"Owona mnqweno ndinawo kungokunje kukuba nemali eyaneleyo yokushicilela umboniso okanye ifilim ekhaya kwiphondo leMpuma Koloni," uvale ngelo uJele.