Ezoyolo

Utitshala uphephezelisa iflegi yeMpuma Koloni kwiBBMzansi

Cwayita Nondula|Published

Uyanda Hlangabezo oyinzalelwane yaseNgcobo nomele iMpuma Koloni kwinkqubo kamabonakude edumileyo iBig Brother Mzansi.

Image: Instagram

Utitshala wesikolo samabanga aphakamileyo, u-Uyanda Hlangabezo, oyinzalelwane yaseNgcobo, uphephezelisa iflegi yeMpuma Koloni kwinkqubo kamabonakude iBig Brother Mzansi (BBMzansi). Lo titshala uphakathi kwabahlanu abalwela ukuphumelela izigidi ezibini zeerandi.

Lo titshala ohlala nosebenza eGqeberha, u-Uyanda yindoda eyonwabisayo, ehlekisayo nethetha phandle.

UHlangabezo ubengumntu wokuqala ukuba kwinqanaba lokugqibela kule nkqubo kwiveki ephelileyo ngethuba ephumelele ukhuphiswano lweNtloko yeNdlu (Head of House). Kwindlu kaBig Brother, uHlangabezo uzibonakalisile izakhono zakhe – ngokusebenza ngokukhutheleyo kwimisebenzi apho kufuneka asebenze kunye nabantu ahlala nabo ukuze baphumelele imali abayibheja ukuthenga izinto abazifunayo, neminye ke imikhuphiswano eyenzeka kule ngqubo kamabonakude ethandwa kakhulu.

Oogxa bakhe bamthiya igama elithi "Honey badger," ngenxa yendlela asebenza naziphethe ngayo. Esi silwanyana (Honey badger) saziwa ngokuba ngumzingeli omkhulu nangona sisincinci, saziwa ngokubulala izilwanyana ezikhulu kunaso. Eli gama yayiyindlela oontanga bakhe ababemncoma ngayo, kwaye kwanendlela yokulumkisa abanye ukuba bangamthathi kancinci njengoko eyingozi. Abalandeli bakhe balithanda kakhulu eli igama, lancamathela balisebenzise – abalandeli bakhe bazibiza iiHoney badgers.

Ube semngciphekweni wokuhamba amatyeli amaninzi kwaye wasindiswa izihlandlo ezininzi ngabantu abamvotele ukuba ahlale endlini. Nangona kunjalo, ixesha likaUyanda endlini likwaphawulwe yimicelimngeni. Uye wazenza iimpazamo kangangokuba wathatha uxanduva waza wafunda kwiimpazamo zakhe.

Uye wazityand' igila ngendlela adlule ngayo kwizinto ezininzi ebomini bakhe. Ekuqaleni kwenkqubo wathi, "Ndizibeka phambili, ndenza zonke izinto endandifuna ukuzenza ebuntwaneni bam."

Lo tishala ekunye nabanye abantu abane bakwinqanaba lokugqibela lale nkqubo apho umntu othe wafumana iivoti ezininzi eluntwini uphumelela le nkqubo – ukhuphisana ngeevoti noJojo, uNate, uNsuku noSweet Guluva. Ukumvotela nokuqinisekisa ukuba uphumelela izigidi ezibini zeerandi, vota usebenzisa umnatha weBig Brother Mzansi (APHA) okanye usebenzisa iMyDStv app (APHA).

Ukuvota kuyaphelelwa ngoLwesihlanu ngentsimbi yeshumi ebusuku. Ophumeleleyo uyakubhengezwa ngeCawe kwiLive Eviction Show ngentsimbi yesithandathu ngokuhlwa.