Icwecwe elitsha likaSnerah elithi Ukholo lwam
Image: Supplied
Imvumi yaseLuphilisweni eMbizana ikhuphe icwecwe layo elitsha kraca nelithi Ukholo Lwam.
USinelizwi Mbidana nowaziwa ngokuba nguSnerah, ukhuphe eli cwecwe neliqulethe iingoma ezisibhozo. Eli licwecwe lesibini lale mvumi, nanjengoko elokuqala lisithi Secrecy. Le mvumi nekwelaseRhawutini kungokunje, ithi ukuze eli cwecwe layo elitsha ikwazi ukulenza ngempumelelo, kunyanzeleke ibuyele emva ekhaya, apho izalwa khona.
"Ukuchitha ixesha kwam ekhaya kundinike ithemba ebesele ndingasenalo ekwenzeni eli cwecwe. Ndiye ndakwazi ukuligqiba ngenxa yethemba nokholo, nto leyo ibangele ndilinike isihloko esithi Ukholo Lwam," utshilo uSnerah.
Le mvumi yeAfro Pop/Afro Beat kunye neAfro House, sele izenzele igama emculweni, nanjengoko, sele inamawonga amabini. Iwonga layo lokuqala yalifumana kwiEastern Cape Sport and Recreation ibambisene kunye neAlfred Nzo Development Agency, yaze elesibini yaliphumelela kwiSouth African Upcoming Musician Awards 2020, kuhluhlu lweBest Dance kwiAfro House awayeyenze kunye neFusion Tone. USnerah waqala uthando lomculo esemncinane, kwaye kungokunje umculo uyazibhalela.
"Eyona nto indikhuthazayo ukubhala umculo zizinto ezenzeka ebomini bam mihla le, kwaye nenkuthazo kubomi bethu sonke singabantu, kuquka nothando," wongeze ngelo uSnerah.
Le mvumi ikholelwa ukuba umculo wayo uqulethe inkuthazo nothando. Ukwathi eli cwecwe likwanika uluntu ithuba lokuba lazane naye ngomculo wakhe. Utsho esithi ingoma nganye kweli cwecwe ibalisa ibali.
Kweli cwecwe uSnerah usebenze noZipho owaziwa ngelika DJ Teddy, kwaye zikhona neemvumi asebenze nazo eziquka uDedication ZA, uMabhiyoza, uSphola kunye noYonnie Dee.
Eli cwecwe lithi Ukholo Lwam, liza kufumaneka kwiivenkile ezithengisa umculo ukusukela ngomhla we27 kweyoKwindla 2025, kwaye lixabisa iR100.
USnerah uyafumaneka kumakhasi onxibelelwano, kwaye uzibiza uSnerah Mbidana.
Related Topics: