Yenze imbali iFort Hare Blues ngokuphumelela iBrutten Cup yokuqala!

Abadlali beFort Hare Blues ziintshatsheli emva kokuba bephumelele iBrutten Cup yokuqala. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Itumente yombhoxo eqingqithe iiveki ezisixhenxe isongwe kakuhle kwimpelaveki egqithileyo. Emva komdlalo obutak’ iintlantsi, iFort Hare Blues iphakamise indebe emva kokubetha iSwallows ngo’13-7 eSisa Dukashe Stadium. Nakubeni bekubanda ngomhla wokugqibela weBritten Top 10 – kodwa amaqela omabini akwazile ukonwabisa abalandeli abebekhona ngomdlalo obusezingeni eliphezulu kakhulu.

Ngokuphumelela kwayo iFort Hare Blues, izenzele imbali ngokuba liqela lokuqala eliphumelele indebe yeBrutten ebixhaswa nguTekkie Town, uFNB noCastle Lager. Batsazise igazi kuqala abafundi baseFort Hare emdlalweni. Khange ikwazi iSwallows ukuphendula abantwana bakwaNokholeji abaye kwixesha lokuphuma behamba phambili ngamanqaku amahlanu eqandeni.

Izamile ukulwa iSwallows enabadlali abanamava kwinqanaba eliphezulu lombhoxo waseMpuma Koloni – kodwa baye banzinyelwa ngoba iFort Hare ivale onke amazibuko. Nakubeni kunjalo, aye avuleka amathuba macala kwisigaba sesibini ukuze umdlalo uphele iBlues iphumelela ngo’13-7. Khange bakwazi ukuzibamba abadlali beFort Hare Blues ngenxa yemincili emva kokuba usompempe ephelise umdlalo.

Into ebangele kube njalo kukuba bekunzima kakhulu kwiBrutten Top 10 ephantsi kweBorder Rugby Union futhi onke amaqela alishumi adlalela ukuphumelela ukusukela ngomhla wokuqala. Ngaphezulu koko, ukuphumelela kuphakamisa iFort Hare Blues njengelinye lamaqela ombhoxo abalulekileyo eMpuma Koloni.

Iza kubuyela kwiVarsity Cup kunyaka ozayo ikhuthazekile emva kokuthatha indebe kweyona tumente ebisingethwe kakuhle kwiphondo leMpuma Koloni. Iintshatsheli zigoduke zithe qhiwu indebe, zijingisa iimbasa ezikhatshwe yimali engamawaka angamashumi amathathu erandi (R30.000). Yona iSwallows ifumene amashumi amabini amawaka erandi (R20.000) njengeqela eloyisakele emdlalweni wokugqibela.

Emdlalweni ogabule izigcawu, iWSU All Blacks ibethe iYoung Leopards ngo’37-30 yatsho yafumana ishumi lamawaka (R10.000). Ifumene amawaka amahlanu (R5.000) entuthuzelo yona iLeopards ebambe indawo yesine kwisiqendu sokuqala seBrutten. Iwonga lomdlali ogqwesileyo kwiBrutten linikwe uHlumelo Pantyo weLovedale College.