UTashreeq Morris wonzakalise Amakhosi emdlalweni weBetway Premiership

Ayophisa Amakhosi emva kokuba equthiswe ngegowuli elinye eqandeni yiSuperSport United emdlalweni weBetway Premiership obutaka iintlantsi ePeter Mokaba Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Izihlwele zabalandeli beKaizer Chiefs ziphume ziphoxekile ebaleni emva kokuba Amatsatsantsa eziphindisele kwiqela ebeliphumelele kwiveki ephelileyo.

Emdlalweni weCarling Knockout, Amakhosi ayivuthulule ngemvula yamagowuli amane eqandeni eLimpopo. Namhlanje izinto ziye zaguquka, kwakhala iChiefs. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu njengoko bekulindelekile xa kudibene oomakadezondana kwiBetway Premiership. Nakubeni umdlalo ubulawulwa yiChiefs – kodwa akukho ngozi ekwazileyo ukuyenza kwiSuperSport.

Endaweni yoko, iSuperSport ibhalise kuqala ebhodini xa kanye kusondele ixesha lokuphela kwesiqingatha sokuqala. UTashreeq Morris ufake igowuli elihle emva kokunikelwa ibhola entle nguSiphesihle Ndlovu odlale kakuhle kakhulu emdlalweni wanamhlanje. Kungenwe kwisigaba sesibini uxinizelelo lukwiChiefs.

Ivale onke amazibuko iSuperSport yabe kwelinye icala izingela ithuba enokulifumana kwakhona. UThakasani Mbanjwa, ongunozinti weSuperSport, uvale kwanto ebisemhlabeni wakhe kwisigaba sesibi. Iinguqu ezenziwe nguNasreddine Nabi ziwenzile umahluko omncinci emdlalweni – kodwa into engakwazanga ukuyifumana iChiefs ligowuli. Uvuye okosana emva komdlalo uGavin Hunt ofumene impumelelo yakhe yokuqala kule sizini emdlalweni abethe kuwo iChiefs.