URulani Mokwena ukruqulwe kuthathelwa izigqibo kwiSundowns

Abantu abaninzi basothukile ebholeni ekhatywayo emva kokuthi tshitshilili kweendaba ezithe uRulani Mokwena uza kuhamba kwiMamelodi Sundowns. Oku kudizwe yiSABC Sport ngentseni yangoLwesibini ehletyelweyo ukuba uMokwena uyazichitha iintente ePitoli.

Kuyacaca ukuba amalungiselelo wesizini entsha aqale sele ukuhamba kwakhe kucacile ngoba kuthiwa khange abekho ngomhla wokuqala enkampini. Noxa ukubamba komqeqeshi iyinto engundabamlonyeni – kodwa lo nto iseyindaba yakwamkhozi kwiSundowns eza kuntingela eAustria kungekudala.

Ekuqaleni kwesizini egqithileyo, uMokwena utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emine. Phantsi kwesandla sakhe, iSundowns yenze imbali ngokuphumelela indebe yeDStv Premiership ngamanqaku angamashumi asixhenxe anesithathu. Yophule irekhodi elenziwa yiSundowns isephantsi kwesandla sikaPitso Mosimane.

Kanti kwelinye icala, iSundowns iphumelele indebe yeAfrican Football League yatsho yafumana itikiti lokuya kwiFIFA Club World Cup. Akukho mntu ebelindele ukuba kungakho ingxaki ngoba uMongameli weSundowns waqinisekisa ukuba uMokwena uza kuxhaswa phambi kokuvalwa kwesizini ka2023/24.

Abahlebele iSABC Sport bathi kubekho ukungaboni ngasonye phakathi kukaMokwena noFlemming Berg oyintloko yabaqeqeshi. Kuthiwa uBerg ebengahambisani nendlela iqela elidlala ngayo – kodwa ukubethwa kweSundowns kwiCAF Champions League ekhaya nokubethwa yi’Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup kukhangeleka ngathi kwaye kwandisa ithanda.

Eyona nto ebekwa phambili nguBerg kuthiwa kukungakwazi kukaMokwena ukuphumelela ezinye iindebe ngaphezuli kweyeDStv Premiership ngokwesivumelwano sakhe neSundowns.

Kanti kukho nento ethi uMokwena ufuna ibe nguye ogqibayo ngabadlali abathengwayo nabakhululwayo. Akukacaci ukuba ngubani oza kuthatha isikhundla sikaMokwena. Nakubeni naye uManqoba Mngqithi engekasityikityi isivumelwano sengqesho esitsha – kodwa kulindeleke ukuba ibe nguye umqeqeshi kude kuthathwe isigqibo.

UMokwena wathatha iintambo kuye ngo2022 emva kokuba naye wayenikwe emva kokuhamba kukaPitso Mosimane. Bane abadlali esele bekhululwe yiSundowns phambi kokuqala kwesizini entsha. Abo badlali baquka uBongani Zungu noGaston Sirino.