Omnye wabaqeqeshi bebhola ekhatywayo abaphambili eMzantsi Afrika, uRulani Mokwena, uqale umsebenzi onzima kwiqela elikhulu eMorocco. Phambi kokusongwa kweveki ephelileyo, uMokwena (37) ubhengezwe njengomqeqeshi omtsha weWydad Athletic Club. Oku kwenzeke emva kokuba egxothwe yiMamelodi Sundowns kwiveki yokuqala kule nyanga yeKhala ku2024. Ngokutsho kwakhe uMokwena, emva kwesaziso seSundowns, abaphathi beWydad Athletic bathinta uMnu. Steve Kapeluschnik abamxelela ukuba bafuna uMokwena aqeqeshe iqela labo eMorocco.
"Emva kokuva ukuba ndimkile kwiSundowns, uMongameli weWydad wazidina waxhumana noMnu. Kapeluschnik owenze umsebenzi omhle kakhulu kwiintsuku ezigqithileyo," utshilo uMokwena ethetha namajelo eendaba okokuqala njengomqeqeshi weWydad kwiveki ephelileyo. Nangona eqala ukuqeqesha kwelinye ilizwe - kodwa iWydad Athletic ayintshanga kuye ngoba ikhe yadibana neSundowns emidlalweni yeCAF Champions League kaninzi. Lo nto ithethe ukuthi ikhona inkitshinkitshana yolwazi lendawo aqala ubomi obutsha kuyo njengomqeqeshi.
Khange aphozise maseko uMokwena, emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho, uye wadiza eyona nto iphambili azimisele ukuyenza kwiWydad Athletic Club elelinye lamaqela amakhulu kwizwekazi le'Afrika. "Ndiyazi ukuba ndijongene nomsebenzi omkhulu. Lo nto ndize ndiyazi kakuhle. Sixoxe iintsuku eziliqela ngesivumelwano sengqesho ngoba bekukho izinto ebekubalulekile ukuvumelana ngazo kuqala. Into endiyithandayo ngabaphathi beqela kukuba bafuna impumelelo njengam futhi bazibophelele ukuba baza kundixhasa ukuze sikwazi ukuvusa iWydad Athletic," utshilo uMokwena.
Injongo kaMokwena kukubuyisela iWydad endaweni yayo ebholeni ekhatywayo e'Afrika. Emva kokuva vala isizini kwiBotola Pro League ihleli kwindawo yesithandathu, kunyanzelekile iWydad kubekho into eyenzayo ukuze yenze ngcono kwisizini ezayo. "Eli qela liyakwazi ukuphumelela iindebe. Okwam nje kukukhumbuza abantu ukuba yintoni Wydad. Bendikhe ndafumana uthando apha ndisaqeqesha iSundowns. Kumnandi ukulifumana ngakumbi xa ndifika kwiWydad," utshilo uMokwena ohambe kwiSundowns nakubeni efumene iindebe ezibalulekileyo.