Ukubethwa kweMamelodi Sundowns okokuqala kwisizini eqhubekayo kothuse abantu abaninzi ngoba ayisinto efane yenzeke. Emva kokuba iguqiswe phantsi ngegowuli elinye emdlalweni weBetway Premiership emalanga ngeCawe egqithileyo, umqeqeshi wePolokwane City uzityande igila emva komdlalo. Kokwesibini la maqela edibana kule sizini.
Ekuqaleni, iSundowns yayibetha iPolokwane City emdlalweni weMTN8 – kodwa ebunzimeni. Kunqabile ukubona iSundowns isoyiswa liqela elincinci. Igowuli elifakwe nguBulelani Nikani aekuphela ixesha kushiye uPhuti Mohafe encumile emva komdlalo obuse’Old Peter Mokaba Stadium. Amanqaku amathathu ewafumeneyo iPolokwane City ayithathe ayibeka kwindawo yesine kwiBetway Premiership.
Uncome umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali emva komdlalo umqeqeshi. “Ndicinga ukuba siqhube kakuhle namhlanje ngoba sikwazile ukuqhawula ikhonkco elidibanisa abadlali abadlala emva nabasesiswini,” utshilo uMohafe ethivini emva komdlalo engakhange ifumane amathuba kuwo iSundowns. “Into esiyenze kakuhle kukuvala uMarcello, uMatthews noMorena.
“Siyinyanzele iSundowns ukuba idlalele emacaleni – kodwa nalapho besineqhinga lokuqubisana nayo. Siye saqinisekisa ukuba sivala amazibuko kwangoko xa iphethe ibhola. Into ebesiyazi ukuba ngeke silingane nayo iSundowns yindlela edlala ngayo xa iphethe ibhola,” utshilo umqeqeshi wePolokwane City echwayitile.
Into engaqhelekanga kwiSundowns kukuba igqibe umdlalo kungekho bhola esokolise unozinti wePolokwane City obesekhefini emdlalweni. Yinto leyo engaqhelekanga ngoba iSundowns lelona qela elihlasela ngamandla kwiPremier Soccer League futhi elinabadlali abayingozi. Nangona iPolokwane City idlala ibhola ebalekayo xa isiya phambili – kodwa iSundowns yeyona eqhele ukwenza bhetele.
“Siliqela eliqinisekisa ukuba iintsika zokhuselo zomelele. Kuye kwanyanzeleka ukuba senze ngakumbi emdlalweni. Siye savala kwa nto eyijule kuthi iSundowns,” uvale ngaloo mazwi uMohafe oncede iPolokwane yangena kwiTop 8 kwisizini egqithileyo emva kokuthatha indawo eyashiywa nguLehlohonolo Seema.
Amawele angamagqirhakazi aziwa njengeeNkonjane zooFaku azicelela iivoti