ULandile Ngxeke esilwa noMichael Mendoza kwiveki ephelileyo eMonti. Umfanekiso: XBP/Facebook
Emva kwetumente yamanqindi ebibanjelwe eMonti kwimpelaveki egqithileyo, uLandile Ngxeke yintshatsheli entsha. OkaNgexe uyizuze emva kokubetha uMichael Mendoza wasePhillipine emlweni wentshinga ye-IBO Intercontinental junior bantamweight ebingenamntu. Le ndedeba yaseCofimvaba iphumelele kwitumente ebekuvalwa ngayo usuku lwamalungelo oluntu eMzantsi Afrika.
Umsitho wamanqindi ubuzinyanyeswe ziinkokeli zaseburhulumenteni eziquka uMphathiswa uZizi Kodwa (weSebe lezemidlalo kuzwelonke), uMama uNonceba Kontsiwe (okhokela isebe lezemidlalo eMpuma Koloni) nezinye eziphuma kumasipala waseBuffalo City Metro - eqhayisa ngokuvelisa iintshatsheli ezininzi eMzantsi Afrika. Noxa uNgxeke, 27, evuyela ukuba yintshatsheli entsha - kodwa uyifumene ebunzimeni.
UMendoza, 24, ebezokulwela ukuphumelela eMzantsi Afrika - kodwa, ngelishwa lakhe, ufike uNgxeke ezilungiselele. Kwimijikelo yokuqala, uMendoza uzamile ukurhwaphiliza amanqaku. Usompempe obephethe umlo, uLulama Mtya, ebekhe waxakeka kucaca ukuba amadoda awisana phantsi. Kuye kwanyanzeleka uNgxeke anyuse umxakatho ukuze aphumelele.
Ekugqibeleni kwemijikelo elishumi elinambini, uNgxeke ubhengezwe njengentshatsheli entsha emva kokuphumelela ngamanqaku. Abagwebi bomdlalo bathe uNgxeke uqokelele amanqaku ngolu hlobo: 117/111, 116/111. UMendoza ubuyele ekhaya ephaca futhi kufuneka asebenze kakhulu emva kokubethwa kwakhe eMzantsi Afrika. Inkampani yabathelekisi, iXaba Boxing Promotions, iwuncomile umsebenzi owenziwe nguNgxeke.
“Indlela ofunde ngaye umntu obusilwa naye nendlela olwe ngayo eqongeni kukusebenzele kakhulu. UMendoza ebeyingozi emdlalweni wade wayokuphela. Andithandabuzi, uqhube kakuhle kakhulu emlweni wakho wesibini wehlabathi,” itshilo ingxelo ekutshwe yiXaba Promotions egameni likaMnu. Ayanda Matiti.
Kweminye imilo: ULopez Maluleke idlale ntanganye noSiyabulela Hem. UQhamani Mhlana ubethe uSandiso Booi, uAsanda Ginqi ulahle phantsi uSibusiso Zingange emlweni weJunior lightweight. Yena uKhaya Bhusakhwe yintshatsheli emva kokuba ebethe uLusana Komanisi oye wonzakala egxalabeni. Komnye umlo, uMpumelelo Tshabalala ubethe uAthenkosi Thongwana watsho wayigcina intshinga ebeyikhusela.