UNabi Nasreddine uthethe wenjenje namhlanje eNaturena

UNasreddine Nabi ngumqeqeshi weKaizer Chiefs.

Emva kwexesha elide kulindiwe, umqeqeshi omtsha weKaizer Chiefs ude wagaleleka kule veki. Okokuqala ethetha neentatheli eNaturena ngentseni yanamhlanje, uNasreddine Nabi wenze ilizwi lombulelo kubaphathi nakubalandeli beChiefs ngokumamkela ngobubele.

Ufike eMzantsi Afrika ehamba neqela lonke elichithe iiveki ezintathu eTurkiya – apho belilungiselela khona isizini entsha. Amakhosi ebenetheko elikhulu izolo eNaturena apho uNabi nabancedisi bakhe bamkelwe khona phambi kokuphehlelelwa kwezikipha ezitsha zikaKappa.

“Ndifuna ukubulela umnikazi weqela, uMnu. Kaizer Motaung, uJessica, uKhemiso, uMnu. Bobby noKaizer Jr ngokundamekela ngobubele,” utshilo uNabi kwindibano neentatheli ebiseNaturena ngentsasa yanamhlanje.

“Ndifuna ukubulela abalandeli beChiefs ngokusamkela kwisikhululo seenqwelomoya ngomhla ebesifika ngawo. Ndizimisele ukubavuza ngokwenza kakuhle kwisizini esiya kuyo. Mandithi enkosi kuMnu. Kaizer Jr ngokusivumela siye eTurkiye – apho besizilolonga khona. Yonke into ihambe kakuhle kakhulu,” utshilo uNabi ocacise unobangela.

Emva kokuvala isizini endaweni embi kwiDStv Premiership, kuye kwakhula uxinizelelo. Amakhosi akhethe ukuya eYurophu ukuze angaphazamiseki. “Sabona kubalulekile ukuba sibhekele eGoli ngoba kukho uxinizelelo lwabantu abaninzi, ngakumbi emva kwendlela iqela eliqhube ngayo kwisizini egqithileyo.

“Enye into ebesiyifuna kukudibana nabadlali sifuthelane. Sidlale imidlalo yokucweya embalwa. Ngokuhamba kwenyanga siza kuba neminye imidlalo eza kusinceda sifike kwindawo iqela esilifuna kuyo, ” utshilo uNabi phambi komdlalo omkhulu ongeCawe.

Amakhosi anomdlalo omkhulu weToyota Cup aza kudibana kuwo neYoung Africans SC kwibala laseBloemfontein. Ngumdlalo wokuqala kaNabi aza kube eqeqesha kuwo iChiefs ekokuqala eMzantsi Afrika. Kulindeleke ukuba ibala ligcwale ngenjesiqhelo xa kudlala iChiefs.

Umdlalo weToyota Cup, eqalayo kulo nyaka, uza kunceda omabini amaqela njengokuba elungiselela isizini enzima. Amakhosi kufuneka aye emdlalweni wangeCawe eqinile ngoba iYanga kudala izilolonga eMzantsi Afrika. Kule veki igqibezele imidlalo yayo yeMpumalanga International Tournament.