UMbali Ndzundzu ngumanqanqa wemithambo eMpuma Koloni

UMbali Mihlali Ndzundzu ngumdlali wemithambo. Umfanekiso: uthunyelwe

Nangona eqale umdlalo womithambo (Gymnistics) kunyaka ophelileyo – kodwa ikamva likaMbali Mihlali Ndzundzu liqaqambe okwenkwezi ekuthiwa likhwezi esibhakabhakeni esingenamafu. UNdzundze, 12, ngomnye wabadlali bemithambo abaphambili kwiphondo leMpuma Koloni nakwilizwe ngokubanzi abakulungeleyo ukukhuphisana nabanye kwiqonga lehlabathi emva kokugqugqisa kwitumente ebikhe yakhona kutshanje. Le ntwazana yaseGqeberha yothuse abantu abaninzi ngethuba ethatha iimbasa zegolide ezine kwitumente ekuthiwa yiEastern Cape RhythmicGymnistic. Konke oku kwenziwe ngumntu owazifundisayo ukwenza imidaniso yemithambo kwisithuba esingaphantsi kweminyaka emibini. “Ndiyiqale kunyaka ophelileyo imithambo eQonce.

Kodwa ndiye ndajoyina iqela lemithambo ekufikeni kwam eGqeberha phambi kokuphela konyaka ophelileyo,” utshilo uMbali. Ukufumana iqela lemithambo kumlolile uMbali futhi uza kwenza izinto ezibukwayo kwicandelo lemithambo. Nangona wazifundisayo ukudanisa – kodwa ngoku yinto ayithandayo futhi azimisele ukuzakhela ikamva kuyo. “Ndikule nto yemithambo ngoba ngowona mdlalo endazifundisa wona. Ukudanisa nezinye izinto ndazifundisa kodwa ndancediswa nakukujonga ezinye izinto kuYouTube. Ekuqaleni kwam yaba yinto endandizonwabisa ngayo – kodwa endiye ndayithanda ekuhambeni kwexesha. Ndiyithanda kakhulu imithambo. Kuyo ndiyakwazi ukubonisa indlela endiziva ngayo xa ndidanisa,” utshilo uMbali echulumancile emva kokugoduka neembasa ezine kwitumente yephondo.

“Ndiqhube kakuhle kakuhle kakhulu kwitumente ebesikuyo kutshanje. Ndibuye neembasa ezine zonke. Ndiyazingca kakhulu emva komsebenzi omkhulu endiwenzileyo. Andifuni ukubalibala abaqeqeshi bam abenze umsebenzi omkhulu kakhulu kum phambi kwetumente. Ndizilungele ezinye iitumente ezinokuvela emva kwale endisuka kuyo. Into esengqondweni kum ngoku yitumente enkulu eza kube iseNetherlands kwisixeko saseArmstedam. Ndisazama imali yokuya kuloo tumente,” uvale ngaloo mazwi uMbali. Okubi kukuba udinga imali yokuya kwitumente yehlabathi enkulu eNetherlands ekuthiwa yiWorld Gymastrada Amsterdam 2023 ekufanele aye kuyo. UMbali ucela uncedo nakubani na onokuxhasa uhambo lwakhe ngemali.