UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns

Emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni yeMTN8, iMamelodi Sundowns ikhuphele umsindo wayo kwiMbabane Swallows eyivuthulule ngo’4-0 emdlalweni weCAF Champions League obuseLucas Moripe Stadium ngempelaveki. Amagowuli ephumelele ngawo afakwe nguMosa Lebusa, Iqraam Rayners namabini kaLucas Ribeiro. Nangona impumelelo inike abalandeli uncumo – kodwa yena uManqoba Mngqithi ebefuna amagowuli amaninzi kunamane afunyenwe liqela lakhe.

“Ayandonwabisa amagowuli amane esiwafumeneyo – kodwa andonwabanga ncam ngoba besinawo amathuba okufaka amagowuli amaninzi kakhulu,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo. Kuye kwanyanzeleka iMbabane Swallows idlalele umdlalo wayo ePitoli ngoba iCAF ithe ngeke kudlalelwe ebaleni layo Eswatini ngenxa yomgangatho ophantsi. “Amathuba esiwadalileyo asiwasebenzisanga kakuhle. Ndicinga ukuba kufuneka siphucule indlela esidlala ngayo xa siphambi kweepali zeqela esidlala nalo.

“Emidlalweni esiyidlale nePolokwane City neStellenbosch, ingxaki yam yayikukungadalwa kwamathuba kakuhle. Ngoku akhona – kodwa asiwasebenzisi kakuhle. Bekufanele ukuba sifumene amagowuli asixhenxe ukuya kwasibhozo ngoba sikwazile ukuzenzela amathuba nokuvala iSwallows ayafumana ndlela yokugqobhoza kuthi. Xa umdlalo uwuphumelele ngegowuli elifakwe ngumdlali weqela odlala nalo, wonke umntu uye athethe ngenxaki yokungakwazi kweqela ukufaka amagowuli,” utshilo uMngqithi.

Njengokuba amanye amaqela ethe aqala imidlalo yayo yeBetway Premiership ngempelaveki egqithileyo, yona iSundowns iza kudlala phakathi evekini. Iza kudibana neSuperSport United kwidabi lokubukhaya lasePitoli. Kubalulekile ukuba iSundowns iqale kakuhle ngoba yiyo ekhusela indebe. Amatsatsantsa aza kuya emdlalweni efuna ukufumana iziphumo ezincumisayo ukuze abe nethuba lokwenza umsebenzi obhetele kunesizini egqithileyo. Abantu baza kufumana umdlalo osemgangathweni ophezulu.