Amakhosi edlala neStellenbosch FC emdlalweni weBetway Premiership, eKapa. Umfanekiso: KC/Facebook
Noxa iKaizer Chiefs ingakwazanga ukudlala ngendlela eyonelisayo kwisigaba sokuqala sesizini eqhubekayo yeBetway Premiership, uBobby Motaung ubongoze abalandeli ngelithi mabamnike ithuba umqeqeshi ngoba ukwakha kuthatha ithuba elide.
UMotaung ukuthethe oku echwayitiswe yimpumelelo yeChiefs ebethe iStellenbosch FC ngegowuli elinye eqandenii emdlalweni weBetway Premiership obunzima e'Athlone Stadium Phakathi kule veki.
Ithemba lokubona iChiefs ivuka limane libakhona - kodwa limane lisithela ngoba ayikwazi ukuvelisa iziphumo ezihle ngamaxesha onke ngokufanayo nePirates neSundowns. Ukonzakala kwabadlali namakhadi analo igalelo kwiziphumo ezibi - kodwa nakubeni kunjalo, iChiefs ayikabuyeli kumgangatho wayo.
Kukho ithemba lokuhle emva kokufika kwabadlali abafana noThabo Cele noGlody Lilepo ofake igowuli ephumelele ngalo iChiefs kule veki. Ngoku ihleli kwindawo yesine kwiBetway Premiership. Iphumelele imidlalo esixhenxe, yadlala ntanganye kwemine yaze yabethwa kwemithandathu.
UNasreddine Nabi uxelele iintatheli ukuba angavuya ukuba iqela lakhe lingakwazi ukuphumelela imidlalo ngcono kunesiqingatha sokuqala sesizini. "Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide. Ngeke ibe yinto ekusa ikhona," utshilo uBobby Motaung ethetha nabasasazi beSuperSport TV emva komdlalo obuseKapa.
Abalandeli beChiefs banxanelwe impumelelo kakubi ngoba indebe bayigqibela kudala. "Inde indlela esiza kuyihamba - kodwa ndifuna ukuthi abalandeli abasuka kwiindawo ezikude mabonwabe xa iqela labo liphumelele. Asikafiki kwindawo esilifuna kulo iqela - kodwa ikhona into esiyiphekayo.
“Kufuneka sithembe umsebenzi owenziwayo futhi sibe nomonde. Abadlali abafikayo masibajonge ukuba baqhuba njani ngoba kuse kutsha. Abadlali abasemgangathweni ophezulu ngaba sibafunayo ngoba kunzima ukudlalela iChiefs," utshilo uMotaung ethetha ngabadlali abatsha.