UGqirha Kaizer Motaung esamkela uJasond Gonzalez ongumdlali omtsha weKaizer Chiefs. Umfanekiso: KC/Facebook
Igalelekile ifolosi entsha eNaturena izolo emini. Amakhosi amkele uEfmamjjasond Gonzalez Palacios amazise kubalandeli bawo kwiveki ephelileyo. UJasond Gonzalez, 24, wamkelwe ngezandla ezishushu eNaturena ngabaphathi beKaizer Chiefs ephakathi kwabo noGqirha Kaizer Motaung. Le ndedeba yaseColombia ifike ngexesha elibi iChiefs emva kokubethwa kwayo ngo’1-0 yiTS Galaxy kwiveki ephelileyo. Ifika emva kuka-Edson Castillo waseVenezuela oyibethelele efika indawo yakhe kwiChiefs. Ukufika kwakhe uGonzalez kulindeleke ukuba kuncede uMolefi Ntseki oswele iifolosi ezibukhali xa zijongene neepali. “Siyamamkela uJasond Gonzalez apha eMzantsi Afrika futhi simnqwenelela okuhle kodwa,” utshilo uMotaung kwikhasi lomnatha leqela lakhe izolo.
Noxa kusekho umba wamaphepha okusebenza ekufuneka alungiswe ngabaphathi bakhe – kodwa uJasond Gonzalez ufuneka ngokukhawuleza ebaleni ngoba iChiefs iphulukene nefolosi yayo uRanga Chivaviro ophume kwisigaba sokuqala emdlalweni ogqithileyo ngenxa yokonzakala. Ngenxa yesimo esinzima ekuso iChiefs ngoku, uMotaung ucele uGonzalez ukuba ungene entsimini asebenze. “Siyamazi ukuba lijoni ekufanele liye emfazweni. Akukho xesha lokulibazisa ngoku. Makathathe izikrweqe zakhe aye emfazweni ngoba kunyembelekile,” utshilo uMotaung, okugxininisileyo kakhulu ukubaluleka kokufumana kwakhe imfudumalo kwiqela elitsha.
“Sifuna azive esekhaya apha. Into endingamqinisekisa ngayo kukuba uza konwaba. Silusapho olukhulu, uza kuyibona lo nto. Silelona lapho elikhulu kweli lizwe,” uvale ngaloo mazwi uMotaung. Naye ubulele uJasond watsho esithi ukungxamele ukungena ebaleni enze umsebenzi. “Ndilibulela kakhulu ithuba endilinikiweyo lokudlala apha. Ibiliphupha lam ukudlala e’Afrika ngoba kulapho kwenzeka yonke into. Ndonwabile, nam sendingxamele ukudlala ebaleni,” utshilo uJasond Gonzalez oza kudlalela iChiefs ngemboleko – kodwa ingamthenga ukuba yonelisekile ngumsebenzi wakhe ekupheleni kwesizini. Amakhosi alungiselela ukwamkela AmaZulu emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngempelaveki.