Iintshatsheli ezintsha zeMTN8 yi’Orlando Pirates. Umfanekiso: OP/Facebook
Umqeqeshi we’Orlando Pirates, uJose Riveiro, uvakalise uchulumanco olukhulu emva kokuba ezuze indebe yesibini yeMTN8 Cup. Le ndedeba yaseSpain iphokoze imbilini yayo esidlangalaleni emva kokuba iPirates ibethe iMamelodi Sundowns ngo’3-1 kumapenela emdlalweni wokugqibela weMTN8 obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ebusuku ngoMgqibelo odlulileyo. Kuye kwanyanzele ukuba usompempe alandise ixesha lomdlalo emva kokuba kungabangakho iqela eliphumelelayo kwixesha elimiselweyo, emizuzwini engamashumi alithoba omdlalo.
Okuchulumancise umqeqeshi nabadlali bakhe kukuba bazuze impumelelo emva kokungaqhubi kakuhle emidlalweni eliqela equka neyeCAF Champions League abakhutshwe kuyo yiJwaneng Galaxy yaseBotswana kutshanje. “Ndichulumancile, ayikho enye into. Asiloxesha lokuhlalutya umdlalo eli,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo echwayitile. Nakubeni iPirates iyikhusele indebe eyiphumelele kunyaka ophelileyo – kodwa yiSundowns ebinamandla emdlalweni obungekho shushu ngendlela ebekulindeleke ngayo.
Emva komdlalo, uRulani Mokwena ukhale ngamathuba amahle ayekwe nguThemba Zwane noPeter Shalulile athe udlale onzakele emdlalweni wokugqibela weMTN8 ngempelaveki egqithileyo. Okwenze umdlalo wanzima kakhulu eMoses Mabhida Stadium ngumoya obudle kakhulu eThekwini. “Sikhe asaqhuba kakuhle emidlalweni yethu kutshanje. Kodwa into encomekayo yindlela abayilwele ngayo indebe abadlali bethu banika nabalandeli ithemba. Sifumene iziphumo ezihle namhlanje ngoba sisebenze simanyene kwade kwasekugqibeleni.
“Ndiyaziqhenya ngokuba ngumqeqeshi we’Orlando Pirates,” utshilo uRiveiro, ophakamise indebe ityeli lesithathu kwisizini yakhe yesibini. Ngokuphumelela kwayo izolo, iPirates igoduke nezigidi ezisibhozo zerandi (R8-million). Amanye amaqela anikwe amakhulu asibhozo erandi (iqela ngalinye) ngokuthatha inxaxheba kwiMTN8. Emva kokuphoxeka kwabantu ngenxa yokukhutshwa kwiCAF Champions League, ngoku iPirates iza kubeka iliso layo kwiCarling Black Label, kwiNedbank Cup izame nokulungisa izinto kwiDStv Premiership ekhe yakhubeka kuyo.