Ludumo Lamati
Enye yeembethimanqindi eziphambili eMzantsi Afrika, uLudumo Lamati, intingele kwelaMangesi kwiveki ephelileyo phambi komlo wayo omkhulu. ULamati uza kuxikixana noNick Ball emlweni weWBC featherweight oza kube ubanjelwe eThe SSE Arena kwidolophi yaseBelfast emantla we-Ireland ngorhatya ngoMgqibelo. Kokokuqala okaLamati esiya kulwa kwelinye ilizwe ukusukela kwiintsuku zeKhorona ebikhe yamisa yonke imidlalo ehlabathini eminyakeni egqithileyo. Le ndedeba yaseMdantsane sele iqokelele iintshinga ezine ebomini bayo emdlalweni wamanqindi ukusukela ngonyaka ka2014. Ngku uLamati uza kudibana nembethimanqindi elishica futhi edlule emadodeni afana noNathaniel Kokololo noJesus Ramirez Rubio.
ULamati ukwazi ngokupheleleyo ukubaluleka komlo wakhe. Yiyo lo nto ekoneni yakhe eza kuxhagwa ngamadoda afana noLarry Wainstein, uColin Nathan, uRiyaz Bhyat noMarc Wainstein. Ngaloo madoda aza kuqinisekisa ukuba uLamati ufumana intlonipho ayifaneleyo kwihlabathi lonke kwicandelo lamanqindi emva komlo. Ethetha namajelo eendaba phambili kokunikela umva uMzantsi Afrika, uLamati uthe ukulungela ukukhwela eqongeni abuye nentshinga. “Ndizilolonge iinyanga ezimbini zonke kuba ndifuna ufike umlo ndiwulungele ngokupheleleyo. Abaphathi bam bayenzile eyabo indima, ndim ekufanele enze umsebenzi eqongeni ngoku,” utshilo uLamati.
Endaweni yakhe naphambi kwabalandeli bakhe, uBell angamenzela inkawu ngenja uLamati ukuba akazilungiselelanga. “Silungiselele yonke into njengokuba sisiya kuBall. Yindoda eyomelele futhi ndiyakwazi okulindelekileyo kwindoda eyintshatsheli. Ufana nam uBell, uyimbethimanqindi elwa isiya phambili. Kodwa ndicinga ukuba ndiza kukwazi ukumelana naye ngoba akukho nto intsha ngaye ngoku enokuvela. Ningandivi kakubi, andimdeleli futhi anditsho kuba ndizithembe ngokugqithisileyo - kodwa ndingatsho ukuba ndiwulungele umlo,” utshilo uLamati, ongafumana amathuba abhetele ukuba uphumelele eBelfast ngoMgqibelo ebusuku.