Kulindeleke ukuba AmaBhokobhoko amkelwe zizihlwele zabantu xa etyelele iphondo leMpuma Koloni ngempelaveki. USiya Kolisi neqela lakhe baza kuyimisa ithi ingxi idolophi yaseMonti kwangentseni yangeCawe – umhla obekelwe bucala ukuze abantu baseMpuma Koloni bavuyisane neqela lesizwe lombhoxo elitshatsheleyo kwitumente yehlabathi.
AmaBhokobhoko abuyele ekhaya ephethe eyona ndebe yexabiso embhoxweni emva kokuba ebethe uNew Zealand ngo’12-11 emdlalweni wokugqibela wetumente yeHlabathi obubanjelwe eStade de France, eParis, phambi kwamashumi asibhozo amawaka abantu (80 000) ngoMgqibelo ogqithileyo.
Ngokuphumelela kwawo uMzantsi Afrika, wenze imbali ngokuba liqela lokuqala elithathe indebe amatyeli elandelelana waphinda walilizwe lokuqala ukuthatha indebe amatyeli amane. Ngaphezulu koko, uSiya Kolisi nguKapteni wokuqala ophumelele iNdebe yeHlabathi amatyeli amabini elandelelana. Waqala eJapan phantsi kwesandla sikaRassie Erasmus owashenxa kwangena uNienaber endaweni yakhe ngo2020 emva kweNdebe yeHlabathi.
Uphindile ngoku phantsi kukaJacques Nienaber. AmaBhokobhoko amkelwe ngezandla ezifudumeleyo kwisikhululo seenqwelomoya, eKampton Park, ngentsasa yangoLwesibini kule veki. UKolisi uthe impumelelo ezuzwe liqela lesizwe lombhoxo yeyabantu baseMzantsi Afrika bonke. Enye yezinto ayibaluleyo njengento eyenza kube lula ukusebenzisana kukuhlonipha inkcubeko yomdlali ngamnye njengokuba abantu bephuma kwiindawo ezingafaniyo.
“Le ndebe yeyabantu bonke abafuna ukwenza izinto ebomini babo. Sifuna abantu babone kuthi ukuba bangaphumelela nokuba baphuma kwiimeko ezinjani. Yindebe yamahlwempu nezityebi,” utshilo uKolisi owakelwe yindimbane yabantu e’O.R.Tambo International Airport ngoLwesibini. “Singabadlali beqela lesizwe, safunda ukubambisana ngomsebenzi. Siyazi ukuba siphuma kumakhaya ohlukeneyo.
Ngethamsanqa sababalwa ngabaqeqeshi abakwaziyo ukuqoqosha abantu babeke iingqondo zabo entweni enye – iSpringbok nabantu baseMzantsi Afrika,” utshilo uKolisi. Ekuqaleni kwale veki, uMongameli uCyril Ramaphosa ubhengeze umhla weshumi elinesihlanu kwinyaka yoMnga njengeholide ngelihlonipha impumelelo yaMabhokobhoko.
Umlilo eKayamandi, eStellenbosch ushiye abantu abayi150 bengenamakhaya