Ubuyele eMzantsi Afrika ngokusesikweni uSiya Kolisi obekade edlalela iqela lombhoxo laseFrance. Oku kwenzeke emva kokuba uKolisi, 33, ekhululwe yiRacing 92 ngempelaveki kusashiyeke iminyaka emibini kwisivumelwano sakhe sengqesho.
Lo Kapteni weSpringbok wathathwa yiRacing 92 kanye emva kokuphakamisa indebe yehlabathi yombhoxo eFrance kunyaka ophelileyo. Zange adlale ngendlela elindelekileyo kwiRacing 92 nangenxa yokonzakala. Umnikazi weqela, uJacky Lorenzetti, wamgxeka esidlangalaleni uSiya yaba kukuqala kokonakala kwezinto oko.
ULorenzetti wamtyhola ngokungabonakali kwento ayidlalayo nokutyeba. Nakubeni bekukho iingxelo ezithi uSiya uza kubuyela kwiSharks - kodwa iingxoxo zaye zaxinga ngoba kuthiwa iRacing 92 yathi ifuna ukubuyiselwa imali eyamthenga ngayo eqikelelwa kwiR17-million.
Akucacanga kakuhle nokuba iSharks iyibhatele na imali ebifunwa okanye kubhatele usomashishini ebekusithiwa uzimisele ukubuyisa uKolisi ukuze azokudlala eMzantsi Afrika. Konke oku kwenzeke emva kokuba uKolisi ekhokele Amabhokobhoko abethe iNew Zealand ngempelaveki.
"Bendonwabile nentsapho yam phesheya futhi sakuhlala sikhumbula khona. Kodwa besikukhumbula ekhaya. Lifikile ixesha lokubuyela ekhaya. Ndifuna ukubulela iRacing 92 ngosamkela isicelo sam sokubuyela ekhaya.
“Ndibulela ithuba lokudlalela iqela elinabadlali abangooBhuti bam naphakade. Kuhle ukubuyela eThekwini. Usapho lwam luyayithanda iThekwini nabantu bayo. Sendingxamele ukubaleka eKings Park ingaphelanga isizini eqhubekayo," utshilo uKolisi namhlanje emva kokukhululeka.
Ingqonyela yeSharks, uNeil Powell, imamkele ngezandla ezishushu uKapteni weSpringbok kwakhona. "USiya ngumdlali onefuthe ebaleni futhi oyinkokeli eyaziwa jikelele ehlabathini. Kusivuyisa kakhulu ukukhetha ukubuyela eThekwini nokunxiba kwakhona isikipha esimnyama namhlophe.
“Sinethemba lokuba ukubuya kwakhe kuza kuba yinzuzo eqeleni lonke. Ndiqinisekile ukuba wonke umntu uza kulamkela ngovuyo iqhawe lethu," utshilo uPowell. UKolisi uza ufikela ebantwini abaqhelileyo abaquka uTravor Nyakane, uMakazole Mapimpi noLukhanyo Am.