Amaqela ombhoxo amathathu amakhulu Mzantsi Afrik kuthiwa anomdla wokuthenga izabelo kwiqela lesizwe lombhoxo, iSpringbok. Oku kuvela emva kokuba iSouth African Rugby Union (Saru) ivakalise ukuba ikhangela inkampani enokutyala imali kwiqela lesizwe ngelizama ukwandisa okanye ukukhulisa inxili yayo.
Amaqela abonakalise umdla aquka iVodacom Bulls yaseGauteng, iSharks yephondo laKwaZulu-Natal neStormers yaseNtshona Koloni. La maqela omathathu aza kudibanisa imali athenge izabelo, itsho ingxelo. Amadoda afumileyo afana noPatrice Motsepe noJohann Rubert abonakele esenza utyalomali kakhulu kumaqela afana neVodacom Blue Bulls kwiminyaka edlulileyo.
Iingxelo zamajelo eendaba zithi iqumrhu ekuthiwa yiRainbow Consortium elikhokelwa nguMotsepe lizimisele ukuqokelela imali kwabanye oosomashishini ukuze lithenge izabelo kwiSaru. Kunyaka ophelileyo, bekukhe kwakho iAckerley Sports Group (ASG) yaseMelika ebizimisele ukwenza utyalomali olubonakalayo - ilinge layo zange liphumelele ngoba abanikazi bamaqela emaphondweni basikhaba isiphakamiso sayo.
Ingxelo ejikeleza kumajelo eendaba ithi iqumrhu lamashishini akhokelwa nguMotsepe lizimisele ukubeka etafileni imali eqikelelwa kwiR1.4-billion elinganayo nebibekwe etafileni ngabaphathi beASG kunyaka ophelileyo. Kungenzeka abatyalizimali baseMzantsi Afrika baphumelele ngoba akukho mntu wesithathu oza kuzuza.
Ukuthengwa kwezabelo liqumrhu laseMzantsi Afrika kuthiwa kuxhaswa nazizigwili ezifana noMarco Masotti, uStephen Said, uJannie Durand, uJohan van Zyl, uJohan le Roux noBruce MacRobert. Kulula ukutsala abatyalizimali kwiSpringbok ngoba liqela lesizwe eliqhuba kakuhle kakhulu embhoxweni wehlabathi futhi lithandwa kakhulu kwihlabathi lonke.
Ngaphezulu koko, ukuphumelela kwawo Amabhokobhoko indebe yehlabathi ityeli lesine kuwenza ahlonitshwa kwakhulu embhoxweni wehlabathi. Ukuthengiswa kwesixa esithile kwiqela lesizwe kulindeleke ukuba kusongwe ungaphelanga lo nyaka.