USanele Barns yifolosi yeRichards Bay FC.
Njengokuba livuliwe ixesha lokuthenga abadlali, amaqela amaninzi athe bhazalala ekhangela abadlali abatsha. Omnye wabadlali ekuthiwa ufunwa kakhulu nguSanele Barns odlalela iRichards Bay ekwisizini yayo yesibini kwiDStv Premiership. Ingxelo ithi uBarns ufunwa yiCape Town City. UBarns ufike kwiRichards Bay ngonyaka enyuselwe ngayo esuka kwiTuks (University of Pretoria) emva kokungakwazi kwayo ukubamba indawo yokuqala kwiMotsepe Foundation Championship kwisizini ka2021/22.
Abasemfuthweni wolwazi baxelele iDiski Times ukuba iCape Town City ibeke etafileni imali esisigidi esinesiqingatha serandi (R2.5-million) efuna ngayo uBarns. Kuthiwa uSihlalo weRichards Bay, uMnu. Sifiso Biyela, usikhabile isicelo sayo iCity ngelithi umdlali wakhe akathengisi. Ekufikeni kwakhe uBarns kwiqela laKwaZulu-Natal, kuthiwa watyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emithathu yonke.
Nakubeni iRichards Bay iyidinga imali yokumelana neendleko zeqela elisamgangathweni ophezulu - kodwa ayikwazi ukumthengisa umdlali ofana noBarns ngoba iphantsi komngcipheko wokugecwa lizembe. Ihleli kwindawo yeshumi elinesihlanu emva kokuqokelela ishumi elinesithathu emidlalweni elishumi elinesithandathu. Nakubeni uBarns edlalela iqela elitsala nzima kakhulu - kodwa ukwazile ukufumana amagowuli amane kwisizini egqithileyo. "Akhona namanye amaqela amfunayo uBarns.
"Ngelishwa lawo, usabotshelelwe sisivumelwa sakhe sengqosho kude kube ngunyaka ka2025. Ewe, ndikhe ndakrwecwa yiCity - kodwa ndiyixelele ukuba akathengisi okwangoku. UBarns unoxanduva lokunceda iqela lethu ukuze liphume engxakini elikuyo," utshilo uMnu. Biyela. Ngaphambili kukhe kwavakala iingxelo ezithi amaqela afana neKaizer Chiefs, iStellenbosch FC neSekhukhune United anomdla kuBarns. Mhlawumbi uMnu. Biyela ulinde kubekho intshukumo kuloo maqela ukuze akwazi ukufumana imali ebhetele ngomdlali wakhe.