Idlulelele phambili i’Orlando Pirates ebethe iBaroka FC emdlalweni weNedbank Cup obuseSoweto. Umfanekiso: OP/Facebook
UJose Riveiro ukuchaze ukuphumelela kweqela lakhe njengento eza kufunqula ukuzithemba ebadlalini bakhe. Indedeba yaseSpain ikuthethe oku emva kokuba i'Orlando Pirates ibethe iBaroka FC ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obuse'Orlando Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Onke amagowuli wePirates afakwe yifolosi eyingozi kakhulu, uTshegofatso Mabasa. Ngoku iPirates isekhondweni lokukhusela indebe yayo isihlandlo sesine zilandelelana. Kube kuhle ukuphumelela kwePirates, ngakumbi ngoba ukubethwa kwayo yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amane kwelinye kutshanje yinto ebatheze amandla abadlali.
"Singene kumjikelo olandelayo. Yeyona nto ebalulekileyo leyo kuthi. Le yimidlalo engasoze iphunyelelwe lula. Kwisigaba sokuqala sikwazile ukudlala umdlalo ngendlela encumisayo," utshilo uRiveiro, osele eneendebe ezintlanu ukusukela oko wafikayo. UMabasa uphinde wazicacisa ukuba ungomnye wabadlali ababalulekileyo kakhulu kwiPirates kule sizini eqhubekayo.
Njengokuba iPirates ibandakanyeka nakwimidlalo yeCAF Champions League, umqeqeshi ukuchaphazele nokubaluleka kokudlaliswa nabadlali abangaqhelanga ukudlala ngoba hleze badingeke xa kukho abonzakeleyo nabafumene amakhadi. "Siye sanika abadlali abangaqhelanga ukudlala ithuba lokudlala namhlanje.
“Sikwenza oku kuba sifuna bafumane umdlalo. Kuqhelekile ukungagqibi umdlalo sidlala ngendlela ebesifuna ngayo ngoba sifake abadlali abaninzi kwisigaba sesibini somdlalo, Into ebiphambili kuthi kukuya kumjikelo olandelayo," utshilo uRiveiro.