Idlulele kwisigaba sokugqibela i’Orlando Pirates kwakhona kwiMTN8. Oku kulandela ukubetha kwayo iCape Town City ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weMTN8 obutaka iintlantsi e’Orlando Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguTshegofatsa Mabasa kwisigaba sokuqala somdlalo. Ukuphumelela kwayo iPirates kuyinika ithuba lokuphakamisa iMTN8 okwesithathu amatyeli elandelelana.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates iphala phambili ngamagowuli amabini eqandeni. Amaqela omabini axheshene kwangoko kakhulu emdlalweni wesibini weMTN8. USipho Chaine ukhe waxhaya iibhola ezimbalwa – kodwa ezingenabo ubungozi ngoba iCape Town City ikhe yazama ukuhlasela. Iswabulukile nayo iPirates ebidlalela ebaleni ebeligcwele abalandeli bayo eSoweto. Emzuzwini wamashumi amabini anesine, uTshegofatso Mabasa ungcangcazelise umnatha ngebhola entle.
Ufumene ibhola entle abisuka kuMofokeng ngasekoneni. Ifike kuye (uMabasa) eyilindile ngentloko weva ngantswahla yabalandeli uDarren Keet ezipalini. Emva koko iPirates iquqe ibuyelela emhlabeni weCity ezamileyo ukulwa. UDeon Hotto ufake igowuli elihle yatsho yahamba phambili iPirates ngamagowuli amabini. Nakubeni iCape Town City idlale umdlalo ophucukileyo namhlanje – kodwa yenze iimpazamo ezimbi. UMokotjo noRhodes bazamile ukuncedisana noDomingo noMakatinge – kodwa besekonakele.
Ngenxa yomsebenzi omhle owenziwe yiPirates kwisigaba sokuqala, umsebenzi omninzi ubukwiqela lakhe uEric Tinkler obenethemba lokujika izinto eSoweto. Emzuzwini wamashumi amathandathu anane, uMofokeng uphose ithuba lokufaka igowuli lesithathu emdlalweni emva kokweqisela uKeet obezishiye zodwa iipali zakhe. Lide lafikelela esiphelwe ixesha lomdlalo ingakwazanga iCape Town City ukufaka amagowuli amabini. Yaphumelela iPirates ngamagowuli amabini eqandeni.
Libuyela ngeyoKwindla iPolisakazi laseMonti elijongene nezityholo zobusela!