iSinenkani FC liqela lebhola ekhatywayo elidlala kwiABC Motsepe kwiphondo leMpuma Koloni. Umfanekiso: Facebook
Ngomhla wesine kule veki, iSouth African Football Association (Safa) kwiphondo leMpuma Koloni ikhuphe isibhilivana sephepha esiqulethe umyalezo othi imidlalo yeSinenkani FC ayizukudlalwa kude kuqosheliswe inkqubo yoluleko. ISinenkani FC lelinye lamaqela alwela indawo ephambili kwiABC Motsepe League ephantsi kolawulo lweSafa.
Okwenzekileyo kuthetha ukuthi umdlalo ophakathi kweSinenkani naMaxesibe ngempelaveki awuzukuqhubela phambili kude kubekho into entsha. Intsusa yokubizelwa kweSinenkani kwinkqubo yoluleko isukela emdlalweni owawungomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo eMphuthumi Mafumbatha Stadium.
Kuthiwa amagosa weSinenkani aphatha kakubi oosompempe emva kokuba iqela labo labethwa yiFC Ravens. Abazibonelayo bathi ingxaki yavela emva kokuba oosompempe bengazange balivume igowuli elafakwa yiSinenkani FC emizuzwini yokugqibela yomdlalo kuba besithi yabetha esandleni kuqala.
Izolo emva kwemini, iSinenkani ikhuphe isaziso kwikhasi lonxibelelwano ivuma ukuba iwufumene umyalezo okanye umyalelo osuka kuSafa - kodwa yafunga ngelithi iza kuphikisa konke etyholwa ngako ngoba iqinisekile ukuba akukho mphathi wayo owenza into egwenxa ngomhla womdlalo kwinyanga ephelileyo.
"Sifuna ukubazisa abalandeli ukuba sifumene iincwadi ezimbini kwiSafa. Enye isazisa ngokuvela kwethu kwinkqubo yoluleko. Kanti enye ithi imidlalo yethu ayizukudlalwa kude kugqitywe inkqubo yoluleko," itshilo iSinenkani.