Amatsatsantsa abambene neSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership namhlanje. Umfanekiso: Facebook
Zithe xibilili izibilini kuGavin Hunt emva kokuba iqela lakhe lidlale ntanganye emdlalweni wanamhlanje. Igowuli elifakwe nguSamir Nurkovic lihlangule iSuperSport United isengxakini emdlalweni weBetway Premiership ebambene kuwo neSekhukhune United ngegowuli elinye macala e’Old Peter Mokaba Stadium. Omabini amaqela aye emdlalweni efuna impumelelo emva kokungaphumeleli emidlalweni egqithileyo.
Sekulithuba elide Amatsatsantsa engaphumeleli, uHunt ugqibe kwelokuba aqale umdlalo ngoLebohang Mmaboe ofikayo, uRicardo Goss onethuba engadlali noNurkovic. Bekunzima ukudlala neSekhukhune ehlaselayo futhi edlala umdlalo omhle. UChristian Saile noPogiso Sanoka bafumene amathuba - kodwa abakwazanga ukunceda iSuperSport united emizuzwini yokuqala kwisigaba sokuqala.
Wenze umsebenzi omhle ezipalini uBadra Ali Sangare - kodwa iSekhukhune ukhawuleze yacacisa into eyifunayo ngokufumana igowuli elifakwe nguRelebohile Mokhuoane emva kokufumana ibhola ebidlalwe nguKeletso Makgalwa. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSekhukhune ihamba phambili ngegowuli elinye ifanele ngoba yona ilisebenzisile ithuba elifumeneyo. Amatsatsantsa khange akwazi ukuwasebenzisa amathuba ekhona emdlalweni.
Isiqingatha sesibini sinike abadlali beSuperSport United ithuba lokuzama kwakhona. Bekunzima ngoba iSekhukhune ibidlalela ukungabethwa futhi ikhangela igowuli lesibini. Sekuphela ixesha lomdlalo, uNurkovic ufake igowuli elihle emva kokuba uLungu ekhabe ipenela ecikwe nguSangare. Inqaku elinye lithathe iSekhukhune United layibuyisela kwindawo yesine. Amatsatsantsa ahleli kwindawo yeshumi elinambini.