Yanga Malusi. Umfanekiso: Facebook
Imbaleki ephambili kwiphondo leMpuma Koloni, uYanga Malusi, icela inkxaso ebantwini njengokuba ilungiselela oyena mdyarho obalulekileyo ebomini bayo. UMalusi, 26, waseDutywa ngokuzalwa - kodwa ohlala eGcuwa, unikwe yiKetelo Foundation ithuba elinqabileyo lokuthatha inxaxheba kwiLondon Marathon kulo nyaka. Lo ngomnye wemidyarho yeembaleki edumileyo ehlabathini angenokwazi ukungayi kuwo - kodwa ingxaki yakhe uMalusi kukuba akanazo iintsiba zokuhlangabezana nezinye izinto nangona sele encediwe kwezinye izinto.
Njengabantu abaninzi abasuka ezilalini, uMalusi uxhomekeke ebantwini abamaziyo nabakowabo ukuze abe nezixhobo ezimncedayo ekhondweni lakhe lokubaleka. "Njengomntu obesoloko enkqonkqoza ecangweni leKetelo Foundation, ndiye ndanikwa ithuba lokuya eLondon. Lithuba endicinga ukuba liza kundivulela iminyango emininzi - kodwa ngaphezulu koko, ukuya kwam eLondon kuza kukhuthaza ezinye iimbaleki ezisakhulayo," utshilo uMalusi olivuyeleyo kakhulu ithuba lokugudlana noompetha behlabathi kwicandelo lezeembaleki.
"Kubaluleke kakhulu ukuya kwam phaya ngoba iLondon Marathon iza kundinceda kwicala lokuphucula indlela endibaleka ngayo ndifumane nethuba lokukhuphisana neembaleki eziphambili ehlabathini. Kungenxa yezo zizathu ndifuna ziphumelele iinzame zam zokuya eNgilane," utshilo uMalusi oya eLondon nogxa wakhe uMalixole Kalideni ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga kaTshazimpuzi kulo nyaka.
Ngethamsanqa, abantu sebezamile ukumbhatalela imali yokuya eNgilane - kodwa kodwa imali angekabinayo yeyomphako neyokuthenga izinto eziza kumnceda kumalungiselelo wakhe phambi komhla womdyarho. UMalusi akaseyiyo idyongo ngoku, nguphopho otshatsheleyo eMpuma Koloni. Abantu abanomnqweno wokunceda uYanga Malusi, bangaphosa kwiAkhawunti yakhe yebhanki: Absa Acc: 4111 1505 50, Current Acc, Branch code: 632005. Inombolo yakhe: 068 812 8217.