AmaZulu aphume engciphuza yinduku kaMohau Nkota oncede iPirates!

Mohau Nkota of Orlando Pirates celebrates goal during the Betway Premiership 2024/25 match between Orlando Pirates and AmaZulu FC at Orlando Stadium in Soweto on the 25 October 2024 © Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umdlali onekamkamva eliqaqambileyo, uMohau Nkota, ubhale igama lakhe ezintliyweni zabalandeli emva kokunceda i’Orlando Pirates emdlalweni obalulekileyo. Lo mdlali obekade edlala kwiDiski Challenge unike iPirates amagowuli amabini ebethe ngawo AmaZulu emdlalweni weBetway Premiership obutshisa e’Orlando Stadium namhlanje ebusuku. Impumelelo ithathe iBucs yayibuyisela phezulu kwiBetway Premiership emva kokuyiphumelela yonke imidlalo yayo kule sizini.

Ukuphumelela kweBucs kuqinisa ukhuphiswano ngoba nayo iMamelodi Sundowns ayikaphulukani namdlalo kwelayo icala. Isiqingatha sokuqala besinika umdla. Omabini amaqela adlale ibhola esiya phambili. AmaZulu bekufanele abhalise kwangoko ebhodini – kodwa ngelishwa lawo, akakwazanga ukusebenzisa amathuba amahle. Phakathi kwisigaba sokuqala, uMohau Nkota izazise kwinqanaba eliphezulu lebhola ngamagowuli amahle awafakileyo. Kuwo omabini, umshiye uRichards Ofori emgqubagqubane phantsi.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates ihamba phambili emva kokusebenzisa kakuhle amathuba wayo. UMofokeng, uMaswanganyi noNkota ngabona badlali abawanike ingxaki AmaZulu. Nakwisigaba sesibini benze into efanayo – kodwa Usuthu likwazile ukunqanda ingozi kwisigaba sesibini. Amakhwenkwe kaZwane noVilakazi adlale bhetele kakhulu kwisigaba sesibini. Iinzame zawo ziye zavuzwa xa uHendrik Ekstein, ongene kwisigaba sesibini, efumana igowuli lokubika kwixesha likasompempe kuncanyiwe.

Njengokuba uJose Riveiro ezimisele ukulwela indebe yeBetway Premiership, ukudlala kakuhle imidlalo ilandelelana kubaluleke kakhulu. Ukuphuma kwangoko kwiCarling Knockout mhlawumbi kungayinceda iBucs ukuze abadlali babeke iingqondo zabo kwinto enye xa kungadlalwa iCAF Champions League. AmaZulu aphulukene nomdlalo wawo wokuqala kwiBetway Premiership phantsi kwabaqeqeshi abatsha. Kokwesibini kodwa ngoba abethiwe kwiCarling Knockout. Usuthu lusazingela impumelelo yokuqala kule sizini eqhubekayo.