Nakubeni abantu bengaphumanga ngendlela ebekulindeleke ngayo, imidlalo iqhutywe kakuhle. Ekugqibeleni, iintshatsheli zokuqala zeHome of Legends Cup ibe yiKaizer Chiefs emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngo’5-4 kwiipenela emdlalweni wokugqibela namhlanje ngorhatya.
Oku kwenzeke emva kokuba la maqela mabini ephumelele imidlalo yayo yokuqala emini namhlanje. Amakhosi abethe iGolden Arrows ngo’2-0, kanti yona iSundowns ibethe iChippa United kumapenela emva kokuba umdlalo uphelele entanganye ngo’1-1.
Isiqingatha sokuqala besishushu ngendlela encumisayo. Amakhosi aphantse abhaqa into ngebhola ekhatywe nguDillan Solomons. Akubanga kuhle ngoba ibhola eyakhe ayiyango apho ebeyifuna iye khona.
Emva kwemizuzu emibini, uNeo Maema uyeke ithuba lokubeka iSundowns endaweni entle. Umlo ubunzima esiswini apho uSibongiseni Mthethwa ebesilwa noMarcello Allende oyinkunzi enamandla kakhulu emva naxa kuhlaselwa.
Naye uMiguel ulifumene ithuba lokubhalisa ebhodini – kodwa khange kulunge. Isiqingatha sokuqala siphelile amathuba avelileyoo engasetyenziswanga kakuhle. Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini. Abuye enomsindo Amasandawana kwisigaba sesibini.
Iqela likaManqoba Mngqithi libuyela lawaxhesha kakubi Amakhosi aye anyanzeleka ukuba avale amazibuko amatyeli aliqela. Bazamile abadlali macala omabini – kodwa ngelishwa, akubangakho qela elikwazileyo ukufaka igowuli emdlalweni. Iphumelele iKaizer Chiefs.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!