Amakhosi edibene neChippa United emdlalweni weBetway Premiership ekuqaleni konyaka eThekwini. Umfanekiso: KC/WhatsApp
UNasreddine Nabi uthi ulindele umdlalo weNedbank Cup onzima ngempelaveki. Amakhosi abila esoma enkampini apho alungiselela khona ukudibana neChippa United emdlalweni weNedbank Cup oza kube useFNB Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo.
Kulindeleke umdlalo utake iintlantsi ngoba omabini amaqela afuna ukuya phambili kwiNedbank Cup. Amakhosi aya emdlalweni ekhuthazekile emva kokubetha iStellenbosch FC ngo'1-0 emdlalweni weBetway Premiership kwiveki ephelileyo. Yona iChippa United iya eGoli ijingxela emva kokubetha yiTS Galaxy nePolokwane City ngokulandelelana.
Ukubetha kwayo iChiefs ingayinto enkulu kakhulu. Umqeqeshi weChiefs ukuqonda kakuhle ukubaluleka kokuqhuba kakuhle kwiNedbank Cup. "Sizimisele ukuhamba umgama omde kwiNedbank Cup. Ngumdlalo onzima lo esiya kuwo futhi asikwazi ukuba nethemba lokuhle ngenxa yokuba kwethu kakuhle emdlalweni ogqithileyo," utshilo uNabi ethetha neentatheli eGoli.
"Wawunzima umdlalo esadlala kuwo neChippa. Sancedwa nguShabalala ukuze siphumelele. Umdlalo uza kuba nzima - kodwa sikulungele ukuqubisana neChippa United. Senze konke okufanelekileyo ukuze siphumelele umdlalo ozayo. Sinethemba lokuba sakuqhuba kakuhle emdlalweni," utshilo uNabi ophantsi koxinizelelo ngenxa yokungafumani iziphumo ezincumisayo ngendlela ebilindelekile.
Nangona kunjalo, umqeqeshi uthi ikhona inkqubela eyenziwe liqela lakhe kule sizini. "Abalandeli abathandi ukuva usithi uyakha, bona bafuna iziphumo ezihle qha. Kudala sisithi siyakha - kodwa kubalulekile ukungazithathi ngomoya ophezulu. Ngaphandle kwendlela ecacileyo yokusebenza, akusoze kubekho siqinisekiso sempumelelo.
Lo nto ayithethi kuthi asidlaleli ukuphumelela emidlalweni yethu. Kufuneka senze zonke izinto ngendlela. Sicinga ukuba abadlali bayaqala ukudlala njengeqela elidibeneyo. Kukhona ngoku nokuzithemba okubonakayo xa bedlala abadlali," utshilo uNabi.