Iqela lesizwe loMzantsi Afrika labadlali abasakhulayo (SA Under-20) libethe iZambia laphumelela indebe ngempelaveki egqithileyo. Umfanekiso: Facebook
Yimincili yodwa enkampini yeqela lesizwe labadlali abaselula ngeminyaka. Oku kulandela umsebenzi omhle owenziwe ngaMajita aphakamise indebe yeCOSAFA Under-20 Championship ngempelaveki. AmaJita ayibeke endaweni eyifaneleyo iZambia ngamagowuli amabini afakwe nguShandre Campbell noLee Ashene.
Into encomeka kakhulu kokwenziwe nguMzantsi Afrika (Under-20) kukuba uyiphumelele yomihlanu imidlalo yawo kungekho naliye ilizwe elikwazileyo ukufaka igowuli kuwo. Emva kokusongwa kwetumente, uRaymond Mdaka uwancome kakhulu amakhwenkwe wakhe ngelithi enze umsebenzi omhle kwitumente yeCOSAFA.
"Nangona besijongana nomdlalo ngamnye ophambi kwethu - kodwa eyona nto ethe yabaluleka esiyenzileyo kukubethelela ukudlala kakuhle kwabadlali bethu basemva. Besisazi ukuba akufakwanga gowuli kuthi, ithuba esilifumanayo liza kusinika impumelelo emdlalweni ngamnye esiwudlalayo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
"Ndincinga ukuba umthetho ebesiwubekile ulandelwe kakuhle kakhulu ngabadlali. Bakwazile futhi nokumelana neengxaki emidlalweni. Ndifuna ukuncoma kakhulu umsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bethu kule tumente," utshilo umqeqeshi ngempelaveki egqithileyo.
Ngelishwa lawo Amajita, kufuneka aphinde asebenze ngamandla ngoba asaya kwiAfrica Cup of Nations ekunyaka ozayo. Kufuneka avale iAfcon ephakathi kwamazwe amane aphambili ukuze aye kwi2025 Fifa U20 World Cup.
Umqeqeshi ukubalule ukuzilungiselela ngokwasengqondweni nangokwasemzimbeni njengezona zinto eziza kunika Amajita impumelelo ayilangazelelayo. Itumente yehlabathi yamaqela abadlali abangaphantsi kwamashumi amabini eminyaka iza kubanjelwa kwilizwe laseChina kunyaka ozayo.
"Ukudlala emva kuxathula kakhulu engqondweni. Yiyo lo nto kubalulekile ukuzilungiselela kakuhle phambi kwemidlalo. Kodwa into endithe ndayiphawula ebadlalini bethu kukuba bebeyonwabele indlela esidlala ngayo siliqela," uvale ngaloo mazwi umqeqeshi emva kwetumente.