Ezemidlalo

Umqeqeshi weCasric Stars uxela akwenzileyo phambi kokuwisa iPirates emdlalweni weNedbank Cup

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beCasric Stars bavuye kakhulu emva kokuba bebethe i'Orlando Pirates emdlalweni weNedbank Cup.

Image: Itumeleng English

Umqeqeshi weCasric Stars, uJoseph Mthombeni, uxelele iintathelu izinto azenzileyo ukuze abethe iqela elikhulu. Oku kulandele emva kokuba iCasric Stars yothuse umzi ngokubetha i'Orlando Pirates ngo'5-4 kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena ngempelaveki egqithileyo.

Nangona iPirates ibinamathuba amaninzi emdlalweni - kodwa ayikwazanga ukufumana igowuli lokubetha iCasric Stars edlala kwiMotsepe Foundation Championship. Kubethwe iipenela yaphumelela iCasrci Stars.

Emva komdlalo, uMthombeni uthe uncedwe kukuhlalutya indlela edlale ngayo iPirates emdlalweni weBetway Premiership ebethwe kuwo yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye eFNB Stadium phakathi evekini.

Uthi uye wakhuthaza abadlali bakhe ngelithi baze badlale ngokuzimisela nokuba babethiwe na emdlalweni obungempelaveki. "Ndithe ze bangangxami emdlalweni okanye boyike. Besisazi ukuba iPirates iza kuyilawula ibhola - kodwa ndithe masihlale kwindlela esicwangcise ngayo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.

"Ndithe kubo, ukuba babethiwe, kuhle ukubethwa bedlale kakuhle ebaleni abebeqala ukudlalela kulo. Into endifuna ukuyiveza kukuba akukho qela elidlala kwiBetway elakhe lafaka amagowuli angaphezulu kwesibini kuthi emidlalweni yobuhlobo. Besidlala nePirates edlala kakuhle kakhulu kule sizini.

"Ndenze uhlalutyo ngokuya ibidlala neSundowns. Siye sisazi ukuba siyivimbe amagowuli, iza kuphazamiseka iPirates. Ndiphantse ndafa ngethuba kukhatywa iipenela - kodwa ndiza kutsho nditye ngoku," utshilo uMthombeni evuya. Ukudlulela phambili kweCasric Stars yimbali kwiNedbank Cup nasebholeni ekhatywayo.