Ezemidlalo

uAppolis uthi kunzima ukwamkela idemesha eyenziwe yiCasric Stars

Pedro Mapelo|Published

Isolezwe Umdlalo owaziwayo, uOswin Appollis, uthi iPirates kufuneka iwuphumelele umdlalo olandelayo emva kokuba kokubethwa kwiNedbank Cup.

Image: BACKPAGEPIX

Umdlali we'Orlando Pirates ophambili, uOswin Appollis, uvumile ukuba kunzima kakhulu kuye ukwamkela idemesha eyenzeke ngempelaveki egqithileyo. Le ndedeba izityande igila emva kokuba iPirates ibethwe yiCasric Stars ngo'5-4 kwiipenela emdlalweni weNedbank Cup obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena ngempelaveki egqithileyo.

Umdlalo umphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwade kwanyanzeleka ukuba usompempe obephethe umdlalo ongeze amashumi amathathu emizuzu nawo aye aphela iliqanda macala.

Izifake zonke iipenela zayo iCasric Stars ukuze iwise iPirates emdlalweni obudlalelwa ebaleni layo. Ukuphuma kwePirates kulandele ukubethwa kweMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini yiTS Galaxy. Oku kuthethe ukuthi onke amaqela amakhulu aphumile ngoba nayo iKaizer Chiefs yakhutshwa yiStellenbosch FC ekhutshwe yiGolden Arrows kwiveki ephelileyo.

Emva kokubethwa kwePirates emidlalweni ebalulekileyo kwiveki ephelileyo, uAppollis ugxininize ukubaluleka kokuphumelela kwakhona phambi komdlalo omkhulu kule veki. IPirates iza kundwendwela iChiefs emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eFNB Stadium emalanga ngoMgqibelo.

"Kunzima ukwamkela okwenzeke kuthi - kodwa ndifuna ukubancoma abadlali ngoba balwile kakhulu," utshilo uAppollis emva komdlalo kwiOrlando Pirates TV. "Yinqwaba yamathuba esiyidalileyo - kodwa ibhola eyivumanga ukungena. Sineveki yonke yokulungiselela umdlalo wethu olandelayo ekunyanzelekileyo ukuba siwuphumelele.

Iingqondo zethu sizibeke kuwo ngoku," utshilo uAppollis. Kunyanzelekile omabini amaqela aphumelele ngoba alwela ukuphakamisa indebe yeBetway Premiership ekupheleni kwesizini eqhubekayo.