UVusumuzi Vilakazi ngumqeqeshi weChippa United ebethe iRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership kwiveki ephelileyo.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Umqeqeshi weChippa United, uVusumuzi Vilakazi, uzamkele ngovuyo iziphumo azifumeneyo emdlalweni ogqithileyo. OkaVilakazi uzityande igila emva kokuba iChippa United ibhulele amasaka iRichards Bay ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium kwimpelaveki edlulileyo.
Umdlalo odlulileyo ibungowesithathu ophunyelelwe yiChippa United kulo nyaka mtsha. Amanqaku ewafumene emdlalweni odlulileyo ayithathe ayinyusela kwindawo yeshumi elinesibini.
Nangona kunjalo, uVilakazi uxelele iintatheli ukuba ziyamvuyisa iziphumo - kodwa akafuni ukukhwaza ngoba iqela lakhe alikhaphumi ehlathini. Kuthe qabu kancinci kwiChippa emva kokuqokelela ishumi elinesibhozo lamanqaku emidlalweni elishumi elinesibhozo.
Ngumsebenzi omkhulu lo wenziwe nguVilakazi oyonyule ixinge emsileni iinyanga eziliqela. Kunyanzelekile ukuba izame ukuqokelela amanye amanqaku iChippa United ngoba nawo amaqela asemsileni akekudanga futhi asenalo ithuba lokuphumelela imidlalo ezayo.
"Siqhube kakuhle emidlalweni yethu emihlanu ngoba akufakwanga magowuli kuthi. Ibhetele kakhulu indlela esidlala ngayo ngoku emva - kodwa kuye kwanyanzeka ukuba siqinise umdlalo wethu ngokudlala kakuhle esiswini futhi sifake namagowuli phambili," utshilo uVilakazi owangena endaweni kaLuc Eymael owayishiya iChippa United ivuza okwesihluzo.
"Kusivuyisa kakhulu ukubona sifaka amagowuli - kubalulekile ukubeka iingqondo zethu ngokupheleleyo emidlalweni ezayo ngoba umlo awukapheli. Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni liza kuphumla kule veki ngoba kudlalwa imidlalo yeNebank Cup. Kwiveki ezayo, liza kundwendwela iGolden Arrows emdlalweni weBetway Premiership oza kube useKing Zwelithini Stadium kwiveki ezayo ngempelaveki.
"Ngumdlalo oza kuba nzima kakhulu kwiChippa ngoba idibana naBafana Bes'thende abawonzakalisayo amanye amaqela. "Indlela esidlale ngayo iza kwahluka kwesiza kudlala ngayo xa sidibana neGolden Arrows. Siza kujonga iindawo esingayibetha kuyo iArrows sizame nokuhlanganisa," utshilo uVilakazi.