Ezemidlalo

UNdah ufumene ikhaya elitsha okwethutyana eNtshona Koloni

Pedro Mapelo|Published

Ufumene ikhaya elitsha uOlisa Ndah obekade edlalela iOrlando Pirates.

Image: Facebook

Emva kweeveki ezimbalwa engenalo iqela, uOlisa Ndah ude walifumana ikhaya elitsha eNtshona Koloni. Ukusukela kule nyanga kude kuphele isizini eqhubekayo, uNdah uza kudlalela iStellenbosch FC. Oku kudizwe yiNgqonyela yeqela uRob Benadie ekuqaleni kwale veki.

Oku kwenzeka emva kokuba uNdah ecele ukukhululwa yiOrlando Pirates ahleli kuyo iisizini ezibalekayo kwiiveki ezidlulileyo. Isizathu esibangele ukuba acele ukuhamba kwiPirates kukungafumani amathuba okudlala phantsi komqeqeshi oxhuzula imikhala ngoku, uAbdeslam Ouaddou.

Ukudlala kwakhe uNdah kwanqanyulwa kukonzakala kwakhe kusekho uJose Riveiro owahamba kunyaka ophelileyo. Nangona uNdah eye waphuncuka ekonzakaleni kunyaka ophelileyo - kodwa kuye kwacaca kuye ukuba akanayo indawo kumqeqeshi okhoyo osebenzisa abadlali abaquka uSeema noSibisi.

UNdah ngumdlali wasemva odlala kakuhle xa efumene ithuba eloneleyo lokudlala. URob Benadie umamkele ngovuyo umdlali waseNigeria watsho ecacisa ukuba kutheni iStellenbosch FC igqibe kwelokuba imthathele kuyo.

Noxa ephilile uNdah - kodwa akakulungelanga ngokupheleleyo ukudlala ngoba wagqibela kudala ukudlala. Kuthiwa uqale kwiveki ephelileyo ukujima enkampini yeqela lakhe elitsha. "UNdah ngumdlali osemgangathweni ophezulu futhi onamava esiwadingayo. Kusivuyisa kakhulu ukumamkela kwiStellenbosch FC," utshilo uBenadie kwingxelo ebhaliweyo yaze yapapashwa kumakhasi onxibelelwano.

"Sityikitya abadlali abatsha xa icacile indlela abaza kusinceda ngayo. Emva kokumvavanya, siqinisekile ukuba uza kulinceda iqela," utshilo umlawuli weStellies. Emva kokuhamba kwiPirates, abantu abaninzi babecinga ukuba uza kugangwa ngamanye amaqela amakhulu. Akwenzekanga oko ngoba zonke izithuba zabadlali abasuka ngaphandle koMzantsi Afrika zivalekile.