Igqiza labaququzeleli lemidlalo yezikolo lihlole amabala ekuza kudlalelwa kuwo eGompo City ekuqaleni kwale veki.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
IMpuma Koloni izibhaqa imbolamboleka ehlazweni unyaka usaqala ngenxa yeBuffalo City Metro (BCM) ekufikwe ibambelele emadolweni. Oku kucace ngoLwesibini wale veki ngethuba kusenziwa uhlolo lamabala oluyinxalenye lamalungiselelo emidlalo yezikolo ekuthiwa yiWinter National School Sport Championship (WNSSC) eza kubanjelwa KuGompo.
Ingxelo ithi iMpuma Koloni yafuna ukusingatha le tumente kunyaka ophelileyo. Emva koko kwachongwa iGompo City njengendawo eza kusingatha imidlalo yezikolo eziza kube ziphuma kumaphondo olithoba oMzantsi Afrika.
Ngabadlali bemidlalo equka ihockey, ivolleyball, umbhoxo nebhola ekhatywayo abaqikelelwa kumawaka amabini ekulindeleke bachithe iintsuku ezine bekhuphisana kwimidlalo entlobontlobo.
Emva kokuthatha umsebenzi wokusingatha, isebe lezeMidlalo (DSRAC), isebe lezeMfundo neBuffalo City Metro kwakufanele ukuba ziqalise amalungiselelo kwangethuba. Kodwa zange kube, into eshiye amagosa wesebe lezeMidlalo (kuzwelonke) ephoxekile ngenxa yeGompo City engakulungelanga ngokupheleleyo ukusingatha itumente ebekelwe inyanga yeKhala kulo nyaka.
Emidlalweni entlobontlobo eza kudlalwa, yihockey kuphela enamabala asemgangathweni ophezulu kweminye kubotshwa amabande. Awombhoxo akhona kwizikolo zabantu abamhlophe - kodwa kuye kwanzima kwicala levolleyball ngoba idinga iholo elikhulu. Iindawo eziye zajongwa bezingonelisi ncam.
Ebengekho awebhola ekhatywayo awonelisayo ngaphandle kweBuffalo City Stadium edlalela iChippa United ekungenzeka ityabule uRhulumente imali ezininzi kakhulu ukuba kugqitywe kwelokuba isetyenziswe.
Noxa igosa laseBCM belikhona entlanganisweni - kodwa ligoduke lingenzanga nelimdaka ilizwi. Ingxaki yamabala yenziwa bubuqhitala bukamasipala ongazange azakhe iindawo zokudlalela eGompo City.
Igosa ebelisuka kwazwelonke, uGeubuza Mabuza, lixelele iintatheli ukuba isebe lize eGompo City ngenjongo yokubona amabala emva kokuba iMpuma Koloni yabonakalisa umdla wokusingatha itumente. "Sithe masize kwangoko ukuze sibone iindawo ekuza kudlalelwa kuzo sikhokelwa ziintloko zemidlalo ngokwahlukana kwayo," utshilo uMabuza.
"Kukho imidlalo engakwaziyo ukufumana amabala asemgangathweni olindelekileyo. Yibhola ekhatywayo edinga amabala asibhozo esadingayo. Kwicala lehockey nasembhoxweni, akhona amabala esingawasebenzisa - kodwa kunzima kwivolley ball ngoba idinga iholo elikhulu.
"Kusekho umsebenzi ofuna ukwenziwa. Sesona sizathu esibangele size apha kwangoko. Siza kunika iphondo ingxelo ebonisayo iindawo ezifuna ukulungiswa," utshilo uMabuza odaniswe yiMpuma Koloni engakwazanga ukufumana amabala phambi kokufika kwabo.