UMphathi waseKSD Municipality, uNgamela Pakade, noSodolophu uNyaniso Nelani, bethetha neentatheli kwiveki ephelileyo eGompo City.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
UMnu. Nyaniso Nelani ukholelwa kwelokuba abantu baseKing Sabata Dalindyebo bayazingca ngomsebenzi abawenzileyo. Oku ukuthethe kweli phephandaba xeshikweni ooceba neenkokeli zikamasipala zibambe intlanganiso yocweyo eGompo - apho bekuqulunqwa iindlela ezintsha ekungafunqulwa ngazo uhanjiso leenkonzo eKing Sabata Dalindyebo.
UNyaniso uthe kuphela ixesha lesigqeba esikhokeleyo ngoku umasipala esendaweni ebhetele kunakuqala kwicala lolawulo lezimali emva kokufumana uphicotho olusulungekileyo izihlandlo ezithathu zilandelelana.
Ngaphezulu koko, kuvele ukuba iKing Sabata Dalindyebo Municipality ikwazile ukuqokelela imali eyiR1.4 billion kwiinkonzo zikamasipala eziquka ukuqokelelwa kwenkukuma, irhafu yeemoto nasembaneni.
Enye into ayibaluleyo kukuqiniswa kokhuseleko eMthatha naseMqanduli ukuze kungene utyalomali nabakhenkethi. USodolophu uthe zingaphezulu kwekhulu iikhamera eziza kugxunyekwa kwidolophu yaseMthatha neziza kugada abantu abophula umthetho, ngakumbi abaqhubi beemoto abaxakileyo.
"URhulumente unesicwangciso sokuvula iindawo zoshishino ezikhethekileyo eMthatha. Njengomasipala, siyafuna ukubona indawo yethu kuveliswa kuyo izinto endaweni yokusebenzisa izinto ezisuka kwezinye iindawo. Kukho iiprojekthi eziza kuyitshintsha iKing Sabata Dalindyebo ngokupheleleyo," utshilo uNyaniso ngokukhulu ukuzithemba.
Ubalule iindlela ezixabisa iibhiliyoni zeerandi (R3 billion) eziza kwakhiwa nguSanral njengeziza kwenza umahluko omkhulu eKSD Municipality. Eyokuqala iza kusuka eVidgiesville iyokutshona eMqanduli. Enye isuka eVidgiesville iyokutsho edolophini eMthatha edume ngokuxinana kweemoto.
Kubekho indlela enqumlayo eza kusuka eShell Ultra City iye ngaseKhwezi idlule ecaleni edolophini ingene kuN2. Eyokugqibela iza kusuka eMthatha Airport iyokungena edolophini. "Yimisebenzi leyo eza kuguqula uMthatha," utshilo uSodolophi.
Ngaphezulu uthe uToyota wakha indawo aza kuthengisa kuyo iimoto zakhe kuphinde kubekho iinkampani ezizimeleyo ezakha iindawo zokuhlala - izinto azichaze njengesiqalo sokungena kotyalomali eMthatha. Kwicala lamanzi angafiki kakuhle ebantwini, uMnu. Nyaniso uthe uRhulumente uyawulungisa ebambisene neO.R.Tambo noxa ekhale ngokumoshwa kwemitshini nemibhobho etsala amanzi.