Amakhosi aphumile kwiCAF Confederation Cup emva kokubethwa yiZamalek emdlalweni obukwiveki ephelileyo.
Image: KC
Emva kokungakwazi ukudlulela phambili kwiCAF Confederation Cup, iKaizer Chiefs iza kufaka amandla wayo emidlalweni yeBetway Premiership. IChiefs ibuyele ekhaya ijingxela emva kokuba ibethwe yiZamalek ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eSuez Canal Authority Stadium emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Ukubethwa kweChiefs ibe sisiphelo sendlela eyihambileyo kwiConfederation Cup engene kuyo ngenxa yokuphumelela iNedbank Cup okokuqala kunyaka ophelileyo emva kwendlala yeminyaka elishumi.
Nangona kukho ukuphucuka okubonakalayo kwiChiefs xa ithelekiswa nezinye iisizini - kodwa iza kuyivala isizini ingenanto esandleni. Ingayiphakamisa xa kungakhubeka iOrlando Pirates neMamelodi Sundowns ezingasentla kuyo kwiBetway Premiership ngemidlalo nangamanqaku.
UCedric Kaze uvakalise ukudana okukhulu emva komdlalo. "Siphoxeke kakhulu emva kokufaka amandla wethu onke kwiCAF Confederation Cup. Ndikholelwa kwelokuba khange sidlale kakuhle ngoba iingqondo zethu khange zizinze emdlalweni ngokupheleleyo," utshilo uKaze emva komdlalo.
Kubekho ithemba kula mdlalo ngoba kwisigaba sokuqala, Amakhosi akwazile ukuyiphazamisa iZamalek kwisigaba sokuqala - kodwa izinto zajika kwesesibini. "Siyinike imbeko iZamalek ngendlela egqithisileyo. Bekungafanelanga ukuba siyivumele idlale umdlalo wayo oqhelekileyo, ngakumbi kwisigaba sokuqala.
"Igowuli lokuqala nelesibini ayengathintelwa. Kodwa ke zizinto ezenzeka ebholeni ezo. Okwethu ngoku kukufunda kwiimpazamo zethu siye phambili," utshilo uKaze emva komdlalo eYiphutha.
Amakhosi aye emdlalweni ehleli phezulu kuGroup D - avumile ukukhutshwa nayiAl Masry ezibethele iZesco United ngamagowuli amabini kwelinye kwiveki ephelileyo. Aza kuphumla kule veki - kodwa kwiveki ezayo adibana neStellenbosch ngorhatya ngoLwesibini.
Ngumdlalo oza kunika umdla ngoba Amakhosi ebekhutshwe yiStellenbosch kutshanje kwiNedbank Cup emdlalweni obuseKapa. Emva koko, aza kulungiselela ukudibana neOrlando Pirates emdlalweni oza kube useFNB Stadium ekupheleni kwenyanga.