Ezemidlalo

UKhayalethu Tu uyamkele ngovuyo iR50 000 ayifumene kuBetway

Pedro Mapelo|Published

ULebohang Mokoena noKhayalethu Tu ofumene isityhwentywe esiyiR50 000 kukhuphiswano lukaBatway kwiveki ephelileyo eBuffalo City Stadium, eGompo.

Image: Pedro Mapelo

Ubulela akaphezi umlandeli weChippa United owelwe ngumqa esandleni ngempelaveki edlulileyo. Phambi kokusongwa komdlalo weBetway Premiership obuphakathi kweChippa United neRichards Bay kwiveki ephelileyo, kuye kwabhengezwa igama likaKhayalethu Tu njengomlandeli ophumelele ibhaso likaBetway eliphindwe kabini kuba enayo iAkhawunti kwaBetway.

Akwenzileyo kukuya emdlalweni obungempelaveki enxibe iimpahla ezinemibala yeqela alithandayo, iChippa United. Ethetha neli phephandama emva komdlalo, uKhayalethu uvakalise uvuyo olukhulu watsho esithi imali ayiphumeleleyo iza kumnceda kakhulu.

"Ndonwabe kakhulu. Bendingayilindelanga imali mna," utshilo uKhayalethu encumile. Le ndedeba yaseKariega ixelele I'solezwe ukuba iR50 000 eyifumeneyo iza kunceda ezifundweni zabantwana.

"Ndiza kubhatala iimali zabantwana besikolo. Yeyona nto ebalulekileyo kum leyo ngoba ndinaye nomntana oseyunivethi odinga imali eninzi. Ifike ngexesha elinzima, kwiinyanga zokuqala zonyaka. Le mali ifika ndisacinga ukuba ndiza kuthatha phi ndibeke phi," utshilo uKhayalethu owothulwe umthwalo nguBetway ongumxhasi wePSL.

Indlela kaTu ebuyela kowabo ibintle ngakumbi ngoba neChippa United ikwazile ukubetha iRichards Bay yatsho yanyukela kwindawo yeshumi elinambini. Yiminyaka elishumi ngoku uTu engumlandeli weChippa United ekuphela kweqela lebhola ekhatywayo kwiBetway Premiership kwiphondo leMpuma Koloni.

"Ndaqala ukuba ngumlandeli weChippa ngonyaka ka2016. Zininzi iindawo endizihambileyo ngenxa yeChippa United. Imidlalo emininzi ndiyeza kuyo apha eMonti futhi ndiyaya nakwezinye iindawo. Kumnandi ukuba ngumlandeli beChippa ngoba simanyene emasebeni futhi zininzi izinto esizenzayo," utshilo uKhayalethu.