UKatlego Mphela wayengumdlali weMamelodi Sundowns.
Image: I'solezwe
Owayeyifolosi eyoyikwayo, uKatlego 'Killer' Mphela, uthi akaqinisekanga ngokuphumelela kweMamelodi Sundowns eza kudiba ne'Orlando Pirates emdlalweni weBetway Premiership ngomso eFNB Stadium ebusuku.
UMphela uthethe neli phephandaba ngethuba eseGompo - apho ebekhuthaza abalandeli ukuba baye ebaleni ehamba noBetway phambi komdlalo obuphakathi kweChippa United neRichards Bay ngempelaveki edlulileyo.
"Ngendisithi iza kuphumelela iSundowns - njengokuba usitsho, ntekunayo ijongene neengxaki zayo zangaphakathi enkampini. Xa sithetha inyaniso, iPirates iqhuba kakuhle," utshilo uMphela. Kunyanzelekile ukuba ilwele ukuphumelela iSundowns ngoba ishiywa ngamanqaku amathandathu yiPirates ephambili nangemidlalo.
"Umdlalo uza kuba nzima ngoba iSundowns idlalela ebaleni lePirates. Kodwa eyona nto eza kuyiphazamisa iSundowns kukuba ifuna kakhulu iCAF Champions League. Andingeke ndithi ingayibetha iPirates xa ndijonge indlela edlala ngayo kule sizini.
"Ndiyayixhasa iSundowns futhi ndiyidlalele ixesha elide - kodwa andiyiboni ibuya nempumelelo ngenxa yeengxaki ejamelene nazo," utshilo uMphela.
"Ndiyayiva xa iSundowns iza kuyithatha indebe yeBetway Premiership. Ingxaki umqeqeshi akazinzanga kaakuhle ngenxa yabalandeli abalwa naye. Kuphinde kubekho abadlali abatsha abafuna ukubadlalisa bonke ngaxeshanye.
"UTeboho Mokoena udiniwe ngenxa yokungaphumli - kodwa kunyanzelekile ukuba adlaliswe ngoba ungumdlali obalulekileyo kwiSundowns. Andiboni beyibetha iPirates ngoba umdlalo wabo awudibani kakuhle. Kodwa mhlawumbi ingandothusa iSundowns iqhube kakuhle," uvale ngaloo mazwi uMphela.