ULebohang Mokoena uthi iPirates iza kuyibetha iSundowns emdlalweni wangomso.
Image: I'solezwe
Njengokuba kusondela umdlalo onganefuthe kwindawo eyakuyo indebe yeBetway Premiership kule sizini, uLebohang Mokoena uqinisekile ukuba i'Orlando Pirates iza kuyibetha iMamelodi Sundowns emdlalweni ongomso.
IPirates iza kwamkela iSundowns emdlalweni weBetway Premiership ekulindeleke ukuba utake iintlantsi eFNB Stadium ngomso ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya. Okwenza umdla kakhulu kowona mdlalo omkhulu kule veki kukuba omabini la maqela aza kungena ebaleni enyanzelekile ukuba aphumelele.
Ikhuthazekile iPirates ngoba ihleli phezulu futhi ivule umsantsa wamanqaku amathandathu emva kokuba yoyise iMarumo Gallants ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena ngempelaveki edlulileyo.
Noxa ibil'ibanda kule sizini iSundowns - kodwa iya emdlalweni ukuzithemba kufunqukile emva kokuba ibethe ngendlela encomekayo iMC Alger ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium kuMgqibelo odlulileyo.
"IPirates eqeqeshwa nguAbdeslam Ouaddou indicingisa leya kaCostadin Papic xa ihlasela. Nddicinga ukuba iSundowns iza kubanayo ingxaki xa ihlasela iPirates emdlalweni ozayo," utshilo uMokoena. Ukuthethe oku phambi komdlalo obuphakathi kweChippa United neRichards Bay ngempelaveki edlulileyo eBuffalo City Stadium, eGompo.
"Liqela elidlala kakuhle nayo iSundowns - kodwa ke soze wazi xa kudibana amaqela amakhulu. Umdlalo wala maqela usoloko ubambana xa edibene. IPirates lelona qela elikwaziyo ukusokolisa iSundowns ngoku. Ndicinga ukuba iPirates iza kuphumelela ngoba ijongene nemidlalo yeBetway Premiership kuphela. Into ephazamisa iSundowns kukuba isabambeke emidlalweni yeCAF Champions League.
"Enye into encede iPirates kule sizini eqhubekayo kukuthenga abadlali abasemgangathweni. Kuhle futhi ngoba nomqeqeshi ubanika bonke abadlali ithuba lokufumana imidlalo. Umdlali ngamnye ungena azimisele. USipho Chaine uqhuba kakuhle ezipalini futhi uzithembile," utshilo uMokoena owayengumdlali wePirates neSundowns ngeentsuku zakhe zobutsha.