Ezemidlalo

URulani Mokwena uyivumile induku emva kokukhutshwa kwiCAF Champions League!

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi weMC Algier, uRulani Mokwena, uyivumile induku emva kokukhutshwa kwiCAF Champions League.

Image: BackpagePix

Iqela laseAlgeria eliqeqeshwa nguRhulani Mokwena ligoduke lizikhotha amanxeba eMzantsi Afrika emva kokubethwa ePitoli. Oku kulandele emva kokuba iMC Alger icanjalaliswe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium.

Omabini aye emdlalweni obusematheni efuna ukuphumelela - kodwa ngelishwa iMC Alger ikhe phantsi isitya sigcwele. Nangona bekufuneka nje inqaku elinye ukuze idlule - kodwa iqela likaRulani khange lidlale kakuhle konke.

Licishilelwe yiSundowns zisuka emdlalweni. Amagowuli afakwe yifolosi eyongozi, uBrayan Leon, ngawo ancede iSundowns ekwazileyo ukuzibekela indawo kumjikelo olandelayo weCAF Champions League. UMokwena uyivumile induku emva komdlalo watsho ecacisa nendlela iqela lakhe elibethwe ngayo kwiChampions League.

"Siphumile ngoba ngoba zange sikwazi ukuqokelela amanqaku eRwanda," utshilo uMokwena ezama ukubonisa impazamo eyenziwe liqela lakhe phambi komdlalo obunzima kakhulu eMzantsi Afrika.

"Sadlala ntanganye emdlalweni wokuqala, sabethwa ngo'2-1 kude nekhaya emdlalweni ekwakufanele ukuba silwele ukufumana nokuba linqaku elinye. Amathuba okubetha iSundowns ekhaya ayekhona. Kubalule kakhulu ukuphumelela imidlalo yasekhaya kwiChampions League.

Safumana inqaku elinye endaweni yokufumana amathathu. Ukuphumelela ngekwenze umahluko. Xa ujonga imidlalo yethu, asiphumanga ngenxa yokubethwa emdlalweni wanamhlanje," utshilo uMokwena emva komdlalo ePitoli.