uAbdeslam Ouaddou uthi ufuna abantu abazimiseleyo ngoba ufuna iindebe yena.
Image: Backpagepix
Umqeqeshi we'Orlando Pirates ubangxolisile emva kwento ayichaze nje ngokungadlali ngokuzimisela emidlalweni. IPirates inyukele phezulu kwiBetway Premiership emva kokuba ingcwabe iMarumo Gallants ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena ngenjikalanga yoMgqibelo odlulileyo.
Endaweni yokwamkela iziphumo ngovuyo, uAbdeslam Ouaddou uthe into encomekayo kukuba iPirates ikwazile ukuphumelela - kodwa akakholwa yindlela abadlali bakhe abaqhube ngayo ebaleni.
"Into encomekayo ngomdlalo wanamhlanje kukuba sifumene amanqaku apheleleyo," utshilo uAbdeslam emva komdlalo odlulileyo. Ubagxekile abadlali bakhe ngokungadlali njengabantu abafuna ukuphumelela eyona ndebe ebalulekileyo kwiPSL. Abadlali bakhe baphose abamathuba kwangoko emdlalweni.
"Ukuba iMarumo Gallants ibikwazile ukufaka igowuli, ngesithetha enye into ngoku. Ithande ukuqhela into yokuphosa amathuba phambi kweepali. Kufuneka sidlale okweqela elinxaniweyo," uAbdeslam oneendebe ezimbini kule sizini phantsi kwegama lakhe.
"Asizanga zokudlala apha. Silwela ukuphumelela indebe. Abalandeli bethu balindele lukhulu kuthi ngoba iPirates liqela elikhulu. Mna ndifuna ukuphumelela iindebe, ndilindele kube njalo emntwini wonke. Andifuni ukuyifihla, ndifuna indebe yeBetway Premiership.
"Ukuba kukho abantu abacinga ngolunye uhlobo, mabancede baphakamise izandla zabo. Asifuni ukuchitha ixesha nabantu abadlala nje," utshilo umqeqeshi. IPirates iza kugagana neSundowns emdlalweni oza kube useFNB Stadium ebusuku ngoLwesithathu.