Ezemidlalo

ISekhukhune United ibethe iObirt College yangqiniba iChiefs kwindawo yesithathu

Pedro Mapelo|Published

iSekhukhune United ibethe i'Orbit College emdlalweni weBetway Premiership.

Image: SU

Ibethe iintaka ezimbini ngelitye elinye iSekhukhune United ngeziphumo zomdlalo wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe i'Orbit College ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium.

Iziphumo ziyincedile iSekhukhune United ngoba inyukele kwindawo yesithathu - apho ingqinibe iKaizer Chiefs ebihleli kwindawo yesithathu. Impumelelo yeqela likaEric Tinkler ilandela umdlalo weBetway Premiership elibethe kuwo iTS Galaxy ngo'1-0 kutshanje.

Amagowuli ephumelele ngawo iSekhukhune United afakwe yifolosi ekhathazayo, uLehlohonolo Mojela. Ukusukela oko wafika kwiqela lakhe elitsha, uMojela ebeqala ukufumana amagowuli kule sizini. Emva kwesiqalo esincumisayo, iBabina Nako iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngegowuli elinye.

Ukuphumelela kweqela likaTinkler kuza kumnceda ukuya phambili ngoba nangona beliyiqale kakuhle isizini - kodwa likhe laqhwalela ngendlela exhalabisayo kakhulu phambi kokusongwa konyaka ka2025.

Kwakhona aziyihambelanga kakuhle i'Orbit College ebikhe yaqhothoza kakuhle kwicala lokuqokelela amanqaku ekuleni kwesizini. Yimidlalo emithathu yonke elibethwe kuyo iqela laseMtla Ntshona kulo nyaka mtsha ilandelelana.

Linamanqaku alishumi elinesine eliwaqokelele emidlalweni elishumi elinesibhozo. Izentsi kwayo i'Orbit College kuhleli iMagesi FC ebibethwe yi'Orlando Pirates ngamagowuli amabini ekuqaleni kwale veki.