UYanela Mbuthuma ebuyela igowuli lakhe emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eSoweto.
Image: Itumeleng English/Independent Media
Ibethwa ngumoya phezulu i'Orlando Pirates emva kokuphumelela namahlanje emalanga. Oku kwenzeke emva kokuba iPirates ingcwabe iMarumo Gallants ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni obubanjelwe e'Orlando Amstel Arena.
Amanqaku amathathu ewafumene namhlanje anike iPirates ithuba lokuvula umsantsa wamanqaku amathandathu phezulu kwiBetway Premiership onika umdla. Njengokuba unamashumi amathathu anesibhozo, ilandelwa yiMamelodi Sundowns enamashumi amathathu anesibini - kodwa esenomdlalo omnye engekawudlali.
Besisihle isiqingatha sokuqala sePirates ngoba ikwazile ukufumana igowuli ngokukhawuleza emdlalweni. Ifolosi eyingozi, uYanela Mbuthuma, ibhakuzelise umnatha emzizwini wesithandathu yatsho yahamba phambili iPirates elwela ukubhukuqa iSundowns kule sizini emva kweminyaka igqugqisa.
Umdlalo iwuthathele kuyo emva koko nangona ibizama ukuhlasela nayo iMarumo Gallants. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iBucs ihamba phambili ngegowuli elinye - kodwa ingaqinisekanga ngempumelelo ngoba bekungenzeka nantoni na.
Kuye kwanyanzeleka ukuba iPirates izame ukufumana igowuli lesiqinisekiso kwisigaba sesibini ebaleni ebeligcwele abalandeli eSoweto. Awuhambanga mgama omde umdlalo, uPatrick Maswanganyi ungcangcazelise umnatha yakhokela ngamagowuli amabini eqandeni iPirates.
Noxa bekucacile ukuba akukho nto engayenza iMarumo Gallants emva kokwenza iimpazamo - yona izamile ukulwela igowuli lokubika ekhaya. URele Mofokeng ubethelele isikhonkwane sokugqibela ngegowuli elingene sekuphela ixesha lomdlalo.