Ezemidlalo

IDowns iqushe iMC Alger yadlulela phambili kwiCAF Champions League

Pedro Mapelo|Published

IMamelodi Sundowns idlulele phambili emva kokuba ibethe iMC Alger ngo'2-0 emdlalweni weCAF Champions League obuseLoftus Stadium.

Image: MS

Zithe xibilili izibilini kubalandeli beMamelodi Sundowns emva kokuzuza impumelelo ebalulekileyo. Amasandawana aqushe iMC Alger ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eLoftus Stadium namhlanje emalanga.

Ukuphumelela kweSundowns kuyiwezele kumjikelo olandelayo. Ngumdlalo ebekunyanzelekile iSundowns iwuphumelele ngoba iMC Alger ize eMzantsi Afrika ikhangela inqaku elinye kuphela ukuze idlulilele phambili. Ngelishwa layo, ayikwazanga ukuphumelela.

Igqagqanisile iSundowns ekuqaleni kwisiqingatha sokuqala yafumana igowuli elifakwe nguBrayan Leon. Ligowuli eliyinike ukuzithemba namandla emdlalweni obubukelwe linani elihle labantu eLoftus Stadium noxa ibingagcwalanga.

Noxa iSundowns ingadlali ngendlela yayo eqhelekileyo - kodwa iAlger khange idlale okweqela elilwela ukuphumelela. Kuyiwe kwixesha lokuphuma Amasandawana ephala phambili ngegowuli elinye ebhidini. Ikhefu linike uRulani Mokwena ithuba lokuqweba amaqhinga amatsha.

Kwisigaba sesibini, iSundowns iqale apho ibiyeke khona kwisigaba sokuqala. Abadlali abafana noLeon noArthur Sales bafake uxinizelelo kwiMC Alger bencedoswa nguThapelo Morena noAubrey Modiba emaphikweni. Khange likwazile nakwisigaba sesibini ukudlala into ebonakalayo iqela laseAlgeria.

Ufake igowuli lesibini uLeon yatsho yaqinisekisa indawo yayo iSundowns kwisiga esilandelayo kwiChampions League. Ukuphumelela umdlalo wanamhlanje kusindise uMiguel Cardoso emsindweni wabalandeli abangamfuniyo ngenxa yokudlali kakuhle kweSundowns kule sizini.