Ezemidlalo

IChippa United ingcwabe iRichards Bay emdlalweni obuseGompo namhlanje ebusuku!

Pedro Mapelo|Published

iChippa United ibidibene neRichards Bay emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eBuffalo City Stadium, eGompo, namhlanje ebusuku.

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Kuthe qabu kwiChippa United emva kokuba ingcwabe iRichards Bay ngamagowuli amathathu eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obushushu eBuffalo City Stadium, eGompo, namhlanje ebusuku. Amanqaku amathathu ayibeke kwindawo yeshumi elinesibini yatsho yakwazi ukuphefumla kancinci. Yona iRichards Bay ihleli kwindawo yeshumi.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChippa United ihamba phambili ngegowuli elinye eqandeli. Igowuli lithe gqi sekuphela isigaba sokuqala somdlalo noSirgio Kammies ogqibezele ibhola ebidlalwe ngoogxa bakhe. Kanti phambi kwakhe kukho ithuba elihle eliphoswa nguGoodman Mosele ephambi kukanozinti weRichards Bay.

Noxa amaqela eqale ngokoyikana kungekho qela elifuna ukulahlekelwa kwangoko emdlalweni - kodwa wona adlale ibhola ebinika umdla. Abadlali beRichards Bay bebemvale macala onke uSinoxolo Kwayiba oyingozi phambi kweepali. Iindwendwe zidlale ibhola entle kwisigaba sokuqala futhi esiya phambili - kodwa into ebizinzimele kukufaka ibhola emnatheni.

Emva kokuphumla ithutyana, amaqela abuyele ebaleni enamandla. Abadlali beRichards Bay baquqe bebuyelela emhlabeni weChippa United - kodwa bawaphosile amathuba amabini ebekufanele ukuba bawasebenzisile kwangoko kwisigaba sesibini. ULindokuhle Zikhali noSanele Barns ngabona badlali abaye bayiphatha kakubi iChippa United.

 Emva kwethuba iChippa iphosa amathuba, uSomila Ntsundwana ofake igowuli lesibini elilelokuqala egameni lakhe ukusukela oko kuqale isizini. USinoxolo Kwayiba uvale umdlalo ngegowuli lakhe lesithathu kule sizini. Impumelelo iyinyusele phezulwana iChippa United yatsho yakwazi ukuphefumla.