Amakhosi aphumile kwiCAF Confederation Cup emva kokubetha namhlanje.
Image: KC
Akakwazanga Amakhosi ukuya phambili kwiCAF Confederation Cup emva kokuphanza kweenzame zawo. Oku kulandela ukubethwa kwawo yiZamalek ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obubanjelwe eSuez Canal Authority Stadium namhlanje ngorhatya.
Ngoba akakwazanga ukufumana inqaku elinye, indlela yawo Amakhosi iphelile ngoba iAl Masry ikwazile ukubetha iZesco United komnye umdlalo. Isiqingatha sokuqala sihambe kakuhle noxa iimpazamo bezikhona - kwesesibini abadlali beKaizer Chiefs abakwazanga ukuvala mazibuko.
Amakhosi angene emdlalweni ehleli phezulu - kodwa kunyanzekile ukuba ayikhusele indawo yawo ngegowuli elinye. Umdlalo uqale ngesantya esiphantsi ngoba amaqela omabini ebengafuni ukwenza iimpazamo emdlalweni. Ayikwazanga iZamalek ukudlala umdlalo wayo oqhelekileyo ngoba iChiefs ibikhawuleza ivale amazibuko.
UNdlovu, uMoboe noMatlou benze umsebenzi oncomekayo esiswini. Kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini ngoba iZamalek ayikwazanga ukuwasebenzisa amathuba ambalwa ewafumeneyo.
Eyona ebibalulekile kwiChiefs kwisigaba sesibini ibikukulungisa iimpazamo ezenzeke kwisigaba sokuqala. Kodwa emzuzwini wesine kwisigaba sesibini, iZamalek iphose elinye ithuba elihle lokukhokela emdlalweni.
Emzuzwini wamashumi amahlanu anesithathu, uJuan Alvina Bezerra waseBrazil uyibeke phambili iZamalek ngegowuli alifumene emva kokufumana ibhola edlule ebadlalini beChiefs emva. Bekunyanzelekile ukuba iZamalek ifake igowuli ukuze iqiniseke ngokupheleleyo ngokuya phambili kwiCAF Confederation Cup.
Ifumene igowuli lesibini iZamalek ngebhola efakwe nguAbdallah Ei Said oshiye uBrandon Petersen emile. Emizuzwini embalwa emva koko, uGodly Lilepo ufake igowuli leChiefs ngentloko. Udibene nebhola ebikhatywe nguMaboe ekoneni.
Umdlalo weChiefs uye wafunquka kancinci emva koko. Ngelishwa ayikwazanga ukuphumelela iChiefs nokuya phambili emva kokuba iAl Masry ibethe iZesco United ngegowuli elinye komnye umdlalo.